Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
IiNdumiso Chapter49
 
1 Kumongameli:eyoonyana bakaKora. Umhobe. Yivani oku, nina nonke zizwe; Bekani indlebe, nina nonke, bemi beli phakade,
 
2 Nina nyana boluntu, nani nyana bamadoda, Nina zityebi, nani mahlwempu kunye.
 
3 Umlomo wam uza kuthetha ubulumko; Nokucamanga kwentliziyo yam kukuqonda.
 
4 Ndiya kuyithobela emzekelisweni indlebe yam, Ndiya kuyivulela ngohadi intsonkotha yam.
 
5 Ndoyikelani na emihleni yobubi, Xa ubugwenxa babandibambisayo bundijikelayo?
 
6 Abo bakholose ngemfuyo yabo, Baqhayisa ngobuninzi bobutyebi babo.
 
7 Akukho bani unokukhulula umzalwana; Akanakumnika uThixo isicamagusho ngaye
 
8 (Sinqabile isikhululo somphefumlo wabo, Masincanywe ngonaphakade),
 
9 Sokuba ahlale esidla ubomi ngamaxesha onke, Angasiboni isihogo.
 
10 Ngokuba ubona izilumko zibhubha, Bedaka kunye abanyabileyo nezityhakala, Bayishiye nabanye imfuyo yabo.
 
11 Imbilini yabo ithi izindlu zabo zingunaphakade. Iminquba yabo ikwizizukulwana ngezizukulwana; Bayithiya imihlaba yabo ngamagama abo.
 
12 Ke umntu enobuhandiba akanakuhlala, Ufana neenkomo ezi zitshabalalayo.
 
13 Yiyo le indlela yabanyabileyo, Neyabo babalandelayo, bekholiswa ngumlomo wabo. (Phakamisani.)
 
14 Babuthe ngokweegusha kwelabafileyo; Ukufa kuyabalusa; Abathe tye bayabanyathela kwakusa; Isithomo sabo abo siyonakala kwelabafileyo, singabi nandawo yakuhlala.
 
15 Kodwa uThixo uya kuwukhulula umphefumlo wam esandleni selabafileyo, Ngokuba eya kundithabatha. (Phakamisani.)
 
16 Musa ukoyika, yakuba sisityebi indoda, Bakwanda ubuqaqawuli bendlu yayo:
 
17 Ngokuba ekufeni kwayo ayiyi kuthabatha nento, Aluyi kuhla emva kwayo uzuko lwayo.
 
18 Nakuba umntu ekudleni kwakhe ubomi ebewusikelela umphefumlo wakhe, Bekudumisa ngokuzichwayithisa kwakho,
 
19 Uya kuya noko esizukulwaneni sooyise; Abayikukubona ukukhanya naphakade.
 
20 Ke umntu onobuhandiba, abe engaqondi, Ufana neenkomo ezi zitshabalalayo.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | 26 | 27 | 28 | 29 | 30 | 31 | 32 | 33 | 34 | 35 | 36 | 37 | 38 | 39 | 40 | 41 | 42 | 43 | 44 | 45 | 46 | 47 | 48 | 49 | 50 | 51 | 52 | 53 | 54 | 55 | 56 | 57 | 58 | 59 | 60 | 61 | 62 | 63 | 64 | 65 | 66 | 67 | 68 | 69 | 70 | 71 | 72 | 73 | 74 | 75 | 76 | 77 | 78 | 79 | 80 | 81 | 82 | 83 | 84 | 85 | 86 | 87 | 88 | 89 | 90 | 91 | 92 | 93 | 94 | 95 | 96 | 97 | 98 | 99 | 100 | 101 | 102 | 103 | 104 | 105 | 106 | 107 | 108 | 109 | 110 | 111 | 112 | 113 | 114 | 115 | 116 | 117 | 118 | 119 | 120 | 121 | 122 | 123 | 124 | 125 | 126 | 127 | 128 | 129 | 130 | 131 | 132 | 133 | 134 | 135 | 136 | 137 | 138 | 139 | 140 | 141 | 142 | 143 | 144 | 145 | 146 | 147 | 148 | 149 | 150 | [ Next ]