|
IiNdumiso Chapter114 1 Ekuphumeni kukaSirayeli eYiputa, Kwendlu kaYakobi ebantwini abantetho ingaziwayo, 2 UYuda waba yingcwele yakhe, USirayeli waba sisikumkani sakhe. 3 Ulwandle lwabona, lwasaba, IYordan yabuya umva. 4 Iintaba zadloba njengeenkunzi zeegusha; Iinduli, njengamatakane omhlambi. 5 Ubunani na, lulwandlendini, ukuba usabe? Wena Yordan, ukuba ubuye umva? 6 Nina zintaba, ukuba nidlobe njengeenkunzi zeegusha? Nina zinduli, njengamatakane omhlambi? 7 Wena hlabathi, zibhijabhije ebusweni beNkosi, Ebusweni boThixo kaYakobi; 8 Uloguqula iliwa libe lidike lamanzi, Iqhwitha libe yimithombo yamanzi.
|
|