|
IiNdumiso Chapter121 1 Ingoma yezinyuko. Ndiwaphakamisele ezintabeni na amehlo am? Luya kuvela phi na uncedo lwam? 2 Uncedo lwam luvela kuYehova, UMenzi wezulu nehlabathi. 3 Akayi kukha alunikele unyawo lwakho ekutyibilikeni; Akayi kukha ozele umgcini wakho. 4 Uyabona, akozeli, akalali, UMgcini kaSirayeli. 5 NguYehova umgcini wakho, NguYehova umthunzi wakho ekunene kwakho. 6 Emini ilanga aliyi kukwenzakalisa, Nenyanga ebusuku. 7 UYehova uya kukugcina ebubini bonke, Uya kuwugcina umphefumlo wakho. 8 UYehova uya kukugcina ukuphuma kwakho nokungena kwakho, Kususela ngoku kude kuse ephakadeni.
|
|