|
IiNdumiso Chapter8 1 Kumongameli:ngolwaseGati. Umhobe kaDavide. Yehova, Nkosi yethu, Hayi, ubungangamsha begama lakho ehlabathini lonke! Wena uwambathise amazulu ngendili yakho. 2 Emlonyeni wabantwana nabanyayo useke amandla, Ngenxa yababandezeli bakho, Ukuze udambise utshaba nophindezelayo. 3 Xa ndilikhangelayo izulu lakho, umsebenzi weminwe yakho, Inyanga neenkwenkwezi ozimisileyo: 4 Uyintoni na umntu lo, le nto umkhumbulelayo? Unyana womntu, le nto umvelelayo? 5 Umsilelise kancinane ebuThixweni, Wamthi jize ngobuqaqawuli nangobungangamela. 6 Umphathise ubukhosi phezu kwemisebenzi yezandla zakho, Zonke izinto uzibeke phantsi kweenyawo zakhe: 7 Impahla emfutshane, neenkomo zonke ziphelele, Kwaneenyamakazi zonke; 8 Iintaka zezulu, neentlanzi zolwandle, Into ehamba ngeendlela zolwandle. 9 Yehova, Nkosi yethu, Hayi, ubungangamsha begama lakho ehlabathini lonke!
|
|