|
IiNdumiso Chapter47 1 Kumongameli; eyoonyana bakaKora. Umhobe. Nonke zizwe, bethani izandla, Dumani kuThixo ngezwi lokumemelela. 2 Ngokuba uYehova Osenyangweni uyoyikeka; Ngukumkani omkhulu ehlabathini lonke. 3 Uzikhandanisela phantsi kwethu izizwe, Izizwe phantsi kweenyawo zethu. 4 Usinyulela ilifa lethu, Iqhayiya likaYakobi awamthandayo. (Phakamisani.) 5 UThixo unyukile, kudunywa; Unyukile uYehova, kuhlokoma isigodlo. 6 Mbetheleni uhadi uThixo, mbetheleni, Mbetheleni uhadi uKumkani wethu, mbetheleni! 7 Ngokuba uKumkani wehlabathi lonke nguThixo; Mbetheleni ngeyokuqiqa. 8 UThixo nguKumkani weentlanga; UThixo uhleli etroneni yakhe engcwele. 9 Amanene ezizwe ahlanganisene, Abantu boThixo ka-Abraham; Ngokuba iingweletshetshe zehlabathi zezikaThixo; Unyusiwe kakhulu yena.
|
|