|
IiNdumiso Chapter112 1 Haleluya! Hayi, uyolo lomntu omoyikayo uYehova, Oyinoneleleyo kunene imithetho yakhe! 2 Iya kuba nobugorha ehlabathini imbewu yakhe; Isizukulwana sabathe tye sisikelelwe. 3 Bubuncwane nobutyebi endlwini yakhe; Ubulungisa bakhe buhlala bumi. 4 Baphunyelwa kukukhanya ebumnyameni abathe tye, Benobabalo, nemfesane, nobulungisa. 5 Unoyolo umntu obabalayo, aboleke; Uya kuyimisa intetho yakhe ematyaleni. 6 Ngokuba akayi kushukunyiswa naphakade; Uya kuba lilungisa elikhunjulwa ngonaphakade. 7 Akoyikiswa ziindaba ezimbi; Iqinisekile intliziyo yakhe, ikholose ngoYehova. 8 Izimasekile intliziyo yakhe, akoyiki; Uya kuda ababonele ababandezeli bakhe. 9 Uyahlakaza, upha amahlwempu; Ubulungisa bakhe buhlala bumi, Uphondo lwakhe luphakamile, lunozuko. 10 Ongendawo yena uya kukubona, aqumbe, Atshixize amazinyo, anyibilike; Umnqweno wongendawo uyadaka.
|
|