Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
EyesiBini yooKumkani Chapter1
 
1 Ke kaloku amaMowabhi akreqa kumaSirayeli emva kokufa kuka-Ahabhi.
 
2 UAhaziya wawa efestileni yegumbi:lakhe eliphezulu elikwaSamari, wahliwa kukufa ke; wathuma abathunywa, wathi kubo, Hambani niye kubuzisa kuBhahali-zebhubhi, uthixo wase-Ekron, ukuba ndiya kuphila na kwesi sifo.
 
3 Ke isithunywa sikaYehova sasithethile kuEliya waseTishbhi, sathi, Suka, unyuke uye kukhawulela abathunywa bokumkani wakwaSamari, uthethe kubo, uthi, Kungokuba kungekho Thixo kwaSirayeli na, le nto niya kubuzisa kuBhahali-zebhubhi, uthixo wase-Ekron?
 
4 Ngako oko utsho uYehova ukuthi, Isingqengqelo eso, unyuke waya kuso, akusayi kuhla kuso; inene, uya kufa. Wahamba ke uEliya.
 
5 Babuya abathunywa, beza kuye. Wathi kubo, Yini na ukuba nibuye?
 
6 Bathi kuye, Kunyuke indoda, yeza kusikhawulela, yathi kuthi, Hambani nibuye, niye kukumkani lowo unithumileyo, nithethe kuye, nithi, Utsho uYehova ukuthi, Kungokuba kungekho Thixo kwaSirayeli na, le nto uthumela ukuba kubuziswe kuBhahali-zebhubhi, uthixo wase-Ekron? Ngako oko isingqengqelo eso, unyuke waya kuso, akusayi kuhla kuso; inene, uya kufa.
 
7 Wathetha kubo, wathi, Iluhlobo luni na indoda leyo inyukileyo yeza kunikhawulela, yathetha loo mazwi kuni?
 
8 Bathi kuye, Yindoda engubo ixhonti, ebhinqe umbhinqo wentlonze esinqeni sayo. Wathi ke, NguEliya waseTishbhi.
 
9 Ukumkani wathumela kuye umthetheli-mashumi-mahlanu, enamashumi omahlanu akhe. Wenyuka weza kuye; nanko ke ehleli encotsheni yentaba. Wathetha kuye wathi, Mfo wakwaThixo, uthe ukumkani, Yihla.
 
10 Waphendula uEliya, wathi kumthetheli-mashumi-mahlanu, Ukuba ke mna ndingumfo wakwaThixo, makuhle umlilo ezulwini, ukudle wena namashumi omahlanu akho. Kwehla ke umlilo ezulwini, wamdla yena namashumi omahlanu akhe.
 
11 Wabuya wamthumela kuye omnye umthetheli-mashumi-mahlanu, enamashumi omahlanu akhe. Wenyuka wathi kuye, Mfo wakwaThixo, utsho ukumkani ukuthi, Khawuleza uhle.
 
12 Waphendula uEliya, wathi kubo, Ukuba ke ndingumfo wakwaThixo, makuhle umlilo ezulwini, ukudle wena namashumi omahlanu akho. Wehla ke umlilo kaThixo ezulwini, wamdla yena namashumi omahlanu akhe.
 
13 Wabuya wathuma owesithathu umthetheli-mashumi-mahlanu, enamashumi omahlanu akhe. Wenyuka ke owesithathu umthetheli-mashumi-mahlanu, waguqa ngamadolo phambi koEliya, watarhuzisa kuye, wathi kuye, Mfo wakwaThixo, mawunqabe emehlweni akho umphefumlo wam, nomphefumlo wabakhonzi bakho abamashumi mahlanu.
 
14 Uyabona, kwehla umlilo ezulwini, wabadla abathetheli bobabini baloo mashumi angamahlanu, kunye namashumi omahlanu abo; ngoko ke mawunqabe emehlweni akho umphefumlo wam.
 
15 Sathi isithunywa sikaYehova kuEliya, Yihla naye; musa ukumoyika. Wesuka ke, wehla, waya naye kukumkani.
 
16 Wathi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba uthumele abathunywa bokubuzisa kuBhahali-zebhubhi, uthixo wase-Ekron, kungokuba kungekho Thixo kwaSirayeli na, kungabuziswa kuye? Ngako oko isingqengqelo eso, unyuke waya kuso, akusayi kuhla kuso; inene, uya kufa.
 
17 Wafa ke ngokwelizwi likaYehova elathethwa nguEliya. UYehoram waba ngukumkani esikhundleni sakhe, ngomnyaka wesibini kaYehoram unyana kaYehoshafati, ukumkani wakwaYuda; ngokuba yena ebengenanyana.
 
18 Ezinye izinto zika-Ahaziya awazenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?
 
 

  | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | [ Next ]