|
IiNdumiso Chapter24 1 Umhobe kaDavide. LelikaYehova ihlabathi nenzaliseko yalo, Elimiweyo, nabahleli kulo; 2 Ngokuba yena waliseka phezu kweelwandle, Walizinzisa phezu kwemilambo. 3 Ngubani na onokunyuka aye entabeni kaYehova? Ngubani na onokuma endaweni yakhe engcwele? 4 Ngozandla zimsulwa, ontliziyo inyulu, Ongawuphakamiseli kwinkohlakalo umphefumlo wakhe, Ongafungiyo ngenkohliso. 5 Uya kwamkela intsikelelo kuYehova, Nobulungisa kuThixo ongumsindisi wakhe. 6 Siso eso isizukulwana sabamngxameleyo, Sababufunayo ubuso bakho, Thixo kaYakobi.(phakamisani.) 7 Phakamisani iintloko zenu, masango; Niziphakamise, minyango yaphakade, Angene uKumkani wozuko. 8 Ngubani na ke lo Kumkani wozuko? NguYehova onamandla, oligorha; NguYehova, igorha emfazweni. 9 Phakamisani iintloko zenu, masango, Niziphakamise, minyango yaphakade, Angene lo Kumkani wozuko. 10 Ngubani na ke yena uKumkani wozuko? NguYehova wemikhosi, Nguye lo Kumkani wozuko. (Phakamisani.)
|
|