|
IiNdumiso Chapter122 1 Ingoma yezinyuko. KaDavide. Ndavuya bakuthi kum, Masiye endlwini kaYehova. 2 Iinyawo zethu zifike zema Emasangweni akho, Yerusalem; 3 Yerusalem, wena wakhiweyo Ngokomzi ohlangeneyo wamnye; 4 Apho zinyuka ziye khona izizwe, Izizwe zikaYehova; Ibubungqina ke loo nto kwaSirayeli, Ukuba kubulelwe kwigama likaYehova. 5 Kuba khona apho kumiswe iitrone zokugweba, Iitrone zendlu kaDavide. 6 Celelani iYerusalem uxolo; Mababe nokuchulumacha abakuthandayo, 7 Malube luxolo eludongeni lwakho olurhaqileyo, Nokuchulumacha ezingxandeni zakho ezinde. 8 Ngenxa yabazalwana bam nowethu, Makhe ndithethe uxolo ngawe. 9 Ngenxa yendlu kaYehova, uThixo wethu, Ndiya kufuna okukulungeleyo.
|
|