|
IiNdumiso Chapter147 1 Haleluya! Ngokuba kulungile ukuvuma ngoThixo wethu; Ngokuba kumnandi, ifanelekile indumiso. 2 Umakhi weYerusalem nguYehova; Abagxothwa bakwaSirayeli ubabuthela khona. 3 Ulophilisa abaphuke intliziyo, Abophe amanxeba abo; 4 Ulobala inani leenkwenkwezi, Ezibiza zonke ngamagama. 5 Inkulu iNkosi yethu, inamandla amakhulu; Ingqondo yayo ayiphele ndawo. 6 Ulophakamisa abalulamileyo nguYehova, Uthobela abangendawo emhlabeni. 7 Hlabelani kuYehova eyokubulela, Mbetheleni uhadi uThixo wethu. 8 Ulosibekelisa izulu ngamafu, Ulolungisela umhlaba imvula; Ulontshulisa utyani ezintabeni; 9 Ulonika inkomo ukudla, Namathole ehlungulu alilayo. 10 Akabunanze nganto ubugorha behashe, Akakholiswa zizitho zendoda; 11 UYehova ukholiswa ngabamoyikayo, Abalinde inceba yakhe. 12 Mncome uYehova, Yerusalem. Mdumise uThixo wakho, Ziyon: 13 Ngokuba eyomelezile imivalo yamasango akho, Ebasikelele abantwana bakho phakathi kwakho. 14 Ngulomisa uxolo emideni yakho, Wakuhluthisa ngengqolowa etyebileyo. 15 Ulothumela intetho yakhe ehlabathini, Ilizwi lakhe ligidima ngokukhawuleza; 16 Ulonika ikhephu njengoboya bezimvu, Ugcwayela iqabaka njengothuthu, 17 Ephosa umkhenkce wakhe njengamaqhekeza; Ngubani na onokuma phambi kwengqele yakhe? 18 Uthumela ilizwi lakhe, ezo nto azinyibilikise; Uvuthuzisa umoya wakhe, aqukuqele amanzi. 19 Uloxelela uYakobi ilizwi lakhe, USirayeli imimiselo yakhe namasiko akhe. 20 Akenjanga ngalo kolunye uhlanga, Namasiko aluwazi. Haleluya!
|
|