Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
IiNdumiso Chapter106
 
1 Haleluya! Bulelani kuYehova, ngokuba elungile, Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
 
2 Ngubani na onokuzixela izenzo zobugorha bukaYehova, Onokuyivakalisa yonke indumiso yakhe?
 
3 Hayi, uyolo lwabaligcinayo isiko, Lwabenza ubulungisa ngamaxesha onke!
 
4 Ndikhumbule, Yehova, ekwenzeni kwakho isisa kubantu bakho; Ndiyelele ngosindiso lwakho,
 
5 Ukuze ndibone inyhweba yabanyulwa bakho, Ndivuye ekuvuyeni kohlanga lwakho, Ndiqhayise kunye nelifa lakho.
 
6 Sonile, thina noobawo; Senze ubugwenxa, senze okungendawo.
 
7 Oobawo abayiqiqanga eYiputa imisebenzi yakho ebalulekileyo; Ababukhumbulanga ubuninzi beenceba zakho; Baphika elwandle, eLwandle oluBomvu.
 
8 Wabasindisa ngenxa yegama lakhe, Ukuze abazise ubugorha bakhe.
 
9 Walukhalimela uLwandle oluBomvu, loma, Wabahambisa emanzini anzongonzongo kwanga kusentlango.
 
10 Wabasindisa esandleni sobathiyayo, Wabakhulula esandleni sotshaba.
 
11 Amanzi abagubungela ababandezeli babo, Akwasala namnye kubo.
 
12 Bakholwa ke ngamazwi akhe, Bayivuma indumiso yakhe.
 
13 Kanti bahle bazilibala izenzo zakhe, Abalilinda icebo lakhe.
 
14 Bakhanukile entlango, Bamlinga uThixo enkangala.
 
15 Wabanika abakubizayo; Wathumela ukungcumbeka emphefumlweni wabo.
 
16 Bamenzela umona uMoses eminqubeni, NoAron ongcwele kaYehova.
 
17 Wavuleka umhlaba, wamginya uDatan, Waliselela ibandla lika-Abhiram;
 
18 Umlilo walitshisa ibandla labo, Amalangatye abalenya abangendawo.
 
19 Benza ithole eHorebhe, Baqubuda emfanekisweni otyhidiweyo.
 
20 Balwananisa uzuko lwabo Ngento emilise okwenkomo edla utyani.
 
21 Bamlibala uThixo, umsindisi wabo, Owenza imisebenzi emikhulu eYiputa;
 
22 Imisebenzi ebalulekileyo ezweni lakwaHam, Imisebenzi eyoyikekayo eLwandle oluBomvu.
 
23 Wathi uya kubatshabalalisa, Koko wesukayo uMoses, umnyulwa wakhe, Wema ethubeni phambi kwakhe, Ebuyisa ubushushu bakhe, ukuba angatshabalalisi.
 
24 Balicekisa ilizwe elinqwenelekayo, Abakholwa lilizwi lakhe,
 
25 Bakrokra ezintenteni zabo, Abaliphulaphula izwi likaYehova.
 
26 Wabaphakamisela isandla sakhe, Wafungela ukuba abawise entlango;
 
27 Ayiwise imbewu yabo phakathi kweentlanga, Abachithachithe emazweni.
 
28 Bazibandakanya noBhahali-pehore, Badla imibingelelo yabafileyo,
 
29 Bamqumbisa ngeentlondi zabo; Sagaleleka phakathi kwabo isibetho.
 
30 Wesuka wema uPinehasi, walamla; Sathintelwa isibetho.
 
31 Oko kwabalelwa kuye ekuthini bubulungisa Izizukulwana ngezizukulwana kude kuse ephakadeni.
 
32 Bamqumbisa emanzini aseMeribha, Kwehla ububi kuMoses ngenxa yabo;
 
33 Ngokuba bawuphikisa umoya wakhe, Waphololoza ke ngomlomo wakhe.
 
34 Abazitshabalalisa izizwe, Awayethethe ngazo kubo uYehova;
 
35 Baxubana neentlanga ezo, Bafunda izenzo zazo;
 
36 Bakhonza izithixo zazo, Yaba sisirhintyelo kubo.
 
37 Babingelela ngoonyana babo nangeentombi zabo kwiidemon;
 
38 Baphalaza igazi elimsulwa, Igazi loonyana babo neleentombi zabo, Ababingelela ngabo kwizithixo zakwaKanan; Lahlanjelwa ilizwe ngamagazi.
 
39 Baba ziinqambi ngezenzo zabo, Bahenyuza ngeentlondi zabo.
 
40 Wavutha ke umsindo kaYehova kubantu bakhe, Laba lisikizi kuye ilifa lakhe.
 
41 Wabanikela ezandleni zeentlanga, Balawulwa ngababathiyileyo.
 
42 Zabaxina iintshaba zabo, Bathotyelwa phantsi kwezandla zazo.
 
43 Zibe zininzi izihlandlo ebahlangula; Ke bona bamphikisa ngamaqhinga abo, Bonakala bubugwenxa babo.
 
44 Noko ke wakunonelela ukubandezelwa kwabo, Akuva ukuhlahlamba kwabo.
 
45 Wawukhumbula ngenxa yabo umnqophiso wakhe, Wazohlwaya ngenxa yobuninzi beenceba zakhe.
 
46 Wabafumanisa imfesane Phambi kwabo bonke abaye bebathimbile.
 
47 Sisindise, Yehova, Thixo wethu, Sibuthe ezintlangeni, Ukuze sibulele kwigama lakho elingcwele, Sizingce ngendumiso yakho.
 
48 Makabongwe uYehova, uThixo kaSirayeli, Kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni. Mabathi bonke abantu, Amen. Haleluya!
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | 26 | 27 | 28 | 29 | 30 | 31 | 32 | 33 | 34 | 35 | 36 | 37 | 38 | 39 | 40 | 41 | 42 | 43 | 44 | 45 | 46 | 47 | 48 | 49 | 50 | 51 | 52 | 53 | 54 | 55 | 56 | 57 | 58 | 59 | 60 | 61 | 62 | 63 | 64 | 65 | 66 | 67 | 68 | 69 | 70 | 71 | 72 | 73 | 74 | 75 | 76 | 77 | 78 | 79 | 80 | 81 | 82 | 83 | 84 | 85 | 86 | 87 | 88 | 89 | 90 | 91 | 92 | 93 | 94 | 95 | 96 | 97 | 98 | 99 | 100 | 101 | 102 | 103 | 104 | 105 | 106 | 107 | 108 | 109 | 110 | 111 | 112 | 113 | 114 | 115 | 116 | 117 | 118 | 119 | 120 | 121 | 122 | 123 | 124 | 125 | 126 | 127 | 128 | 129 | 130 | 131 | 132 | 133 | 134 | 135 | 136 | 137 | 138 | 139 | 140 | 141 | 142 | 143 | 144 | 145 | 146 | 147 | 148 | 149 | 150 | [ Next ]