Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
UYobhi Chapter1
 
1 Kwabe kukho indoda ezweni lakwaUtse, egama libe linguYobhi.
 
2 Yaye loo ndoda igqibelele, ithe tye, imoyika uThixo, ityeka ebubini. Yazalelwa oonyana abasixhenxe neentombi ezintathu.
 
3 Imfuyo yayo yayingamawaka asixhenxe empahla emfutshane, namawaka amathathu eenkamela, namakhulu amahlanu ezibini zeenkomo, namakhulu amahlanu eemazi zamaesile, nabakhonzi abaninzi kunene; yaba nkulu ke loo ndoda kubo bonke oonyana belasempumalanga.
 
4 Oonyana bakhe babeqhele ukuya kwenza isidlo endlwini yalowo ibiyimini yakhe; bathumele bameme oodade babo bobathathu, ukuba badle basele nabo.
 
5 Kwathi, yakuba izungulezile imihla yesidlo, wathumela uYobhi, wabangcwalisa, wavuka kusasa, wanyusa amadini anyukayo ngokwenani labo bonke bephela; kuba uYobhi ebesithi, Mhlawumbi oonyana bam bangaba bonile, bamlahla uThixo entliziyweni yabo. Ubesenjenjalo ke uYobhi loo mihla yonke.
 
6 Kwathi ngamhla uthile, oonyana bakaThixo beza kuzimisa phambi koYehova, weza noSathana phakathi kwabo.
 
7 Wathi uYehova kuSathana, Uvela phi na? USathana wamphendula uYehova, wathi, Ekutyhutyha-tyhutyheni ehlabathini, nasekuhamba-hambeni kulo.
 
8 Wathi uYehova kuSathana, Umgqalile na kodwa umkhonzi wam uYobhi:ukuba akukho unjengaye ehlabathini, indoda egqibeleleyo, ethe tye, emoyikayo uThixo, etyekayo ebubini?
 
9 USathana wamphendula uYehova, wathi, UYobhi lo ufumana emoyikela ilize na uThixo?
 
10 Akuthanga na wena wambiyela wamjikeleza, wayijikeleza indlu yakhe; wayijikeleza into yonke anayo ngeenxa zonke; wawusikelela umsebenzi wezandla zakhe, imfuyo yakhe yaligqiba ilizwe?
 
11 Kodwa ke khawuse isandla sakho ngoku, uchukumise into yonke anayo, ukuba akayi kukulahla na nawe lo, akwenze oko ebusweni bakho.
 
12 Wathi uYehova kuSathana, Yabona, konke anako kusesandleni sakho; ke kuye ngokwakhe musa ukusa sandla sakho. Waphuma ke uSathana, wemka ebusweni bukaYehova.
 
13 Kwathi ngamhla uthile, oonyana bakhe neentombi zakhe babesidla, besela iwayini, endlwini yomkhuluwa wabo omkhulu.
 
14 Kweza umthunywa kuYobhi, wathi, Iinkomo bezilima, namaesile ebesidla ecaleni lazo;
 
15 agaleleka amaShebha, azithimba, ababulala abafana ngohlangothi lwekrele, kwasinda mna ndedwa, ukuza kukuxelela.
 
16 Esathetha lo, kwafika omnye, wathi, Umlilo kaThixo uwe ezulwini, wayitshisa impahla emfutshane nabafana, wabadla; kwasinda mna ndedwa, ukuza kukuxelela.
 
17 Esathetha lo, kwafika omnye wathi, AmaKaledi amisa amaqela amathathu azingenela iinkamela, azithimba, ababulala abafana ngohlangothi lwekrele; kwasinda mna ndedwa, ukuza kukuxelela.
 
18 Esathetha lo, kwafika omnye, wathi, Oonyana bakho neentombi zakho babesidla, besela iwayini endlwini yomkhuluwa wabo omkhulu;
 
19 nanko kuvela umoya omkhulu ngasentlango, wabetha ezimbombeni zone zendlu, yabawela abafana abo, bafa; kwasinda mna ndedwa, ukuza kukuxelela.
 
20 Wesuka uYobhi, wayikrazula ingubo yakhe yokwaleka, wayicheba intloko yakhe, wawa emhlabeni, waqubuda.
 
21 Wathi, Ndaphuma ndize esizalweni sikama, ndiya kubuyela khona ndikwaze:uYehova wanika, ikwanguYehova othabathileyo; igama likaYehova malibongwe.
 
22 Kuko konke oko akonanga uYobhi, akamsola nokumsola uThixo.
 
 

  | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | 26 | 27 | 28 | 29 | 30 | 31 | 32 | 33 | 34 | 35 | 36 | 37 | 38 | 39 | 40 | 41 | 42 | [ Next ]