|
IiNdumiso Chapter95 1 Yizani simemelele kuYehova, Sidume kwiliwa lokusindiswa kwethu. 2 Masize phambi kobuso bakhe sinombulelo, Masidume kuye ngeengoma. 3 Ngokuba uThixo omkhulu nguYehova, NguKumkani omkhulu ngaphezu koothixo bonke. 4 Uzisesandleni sakhe iingontsingontsi zehlabathi, Neencopho zeentaba zezakhe. 5 Ulolwakhe ulwandle, nguyena walwenzayo; Nomhlaba owomileyo zawubumba izandla zakhe. 6 Yizani, masiqubude, siguqe, Sithobe phambi koYehova umenzi wethu. 7 Ngokuba nguThixo wethu yena, Thina ke singabantu bokwaluswa nguye, nezimvu zesandla sakhe. Namhla, ukuba ninokuliva izwi lakhe, 8 Musani ukuyenza lukhuni intliziyo yenu, njengaseMeribha, Njengemini yaseMasa entlango; 9 Oko bandilingayo ooyihlo. Bandicikida, bewubona umsebenzi wam. 10 Iminyaka yaba ngamashumi amane ndikruqukile sesi sizukulwana, Ndathi, Ngabantu abantliziyo zindwendwayo, Abazazi iindlela zam bona; 11 Endada ndafunga ndinomsindo, ukuthi, Inene, abasayi kungena ekuphumleni kwam.
|
|