|
IiNdumiso Chapter98 1 Umhobe. Vumani kuYehova ingoma entsha, Ngokuba wenze imisebenzi ebalulekileyo; Simzuzele uloyiso isandla sakhe sokunene, nengalo yakhe engcwele. 2 Ulwazisile uYehova usindiso lwakhe, Ubutyhilile emehlweni eentlanga ubulungisa bakhe. 3 Ukhumbule inceba yakhe nokunyanisa kwakhe kwindlu kaSirayeli; Zilubonile zonke iziphelo zehlabathi usindiso loThixo wethu. 4 Dumani kuYehova, nonke hlabathi, Gqobhokelani ekumemeleleni, nibethe uhadi. 5 Mbetheleni uhadi uYehova, Uhadi nelizwi lengoma; 6 Ngamaxilongo nezwi lesigodlo Dumani phambi koKumkani uYehova. 7 Malugqume ulwandle nenzaliseko yalo, Elimiweyo nabemi balo. 8 Imilambo mayibethe izandla, Zimemelele kunye iintaba 9 Phambi koYehova, ngokuba esiza kugweba ihlabathi. Uya kuligweba elimiweyo ngobulungisa, Izizwe ngokuthe tye.
|
|