|
IiNdumiso Chapter137 1 NgaseMilanjeni yaseBhabheli Sahlala phantsi khona, salila, Sakuyikhumbula iZiyon. 2 Emingculubeni phakathi kwayo Sazixhoma khona iihadi zethu. 3 Ngokuba khona apho abathimbi bethu basibiza Izango zengoma; Abathuthumbisi bethu basibiza uvuyo, Besithi, Sivumeleni ingoma yaseZiyon. 4 Singathini na ukuvuma ingoma kaYehova Emhlabeni wolunye uhlanga? 5 Ukuba ndithe ndakulibala, Yerusalem, Masinyele isandla sam sokunene. 6 Ulwimi lwam malunamathele ekhuhlangubeni lam, Ukuba andithanga ndikukhumbule; Ukuba andithanga ndiyinyuse iYerusalem Ngaphezu kwemivuyo yam yonke. 7 Bakhumbule, Yehova, oonyana bakaEdom, Umhla weYerusalem, Abo bathi, Yidilizeni, yidilizeni Kuse elusekweni lwayo. 8 Ntombi inguBhabheli, wena unyashiweyo; Hayi, uyolo lwalowo ukubuyekezayo ukuphatha kwakho Osiphethe ngako! 9 Hayi, uyolo lwalowo ubabambayo abahlekeze abantwana bakho Engxondorheni!
|
|