|
IiNdumiso Chapter149 1 Haleluya! Mvumeleni uYehova ingoma entsha, Indumiso yakhe ebandleni labenceba. 2 USirayeli makavuye ngoMenzi wakhe; Usapho lwaseZiyon malugcobe ngoKumkani walo. 3 Mabalidumise igama lakhe beqamba, Bembethela ingqongqo nohadi. 4 Ngokuba uYehova uyakholiswa ngabantu bakhe, Uyabahombisa abalulamileyo ngoloyiso. 5 Mabadlamke benozuko abenceba, Mabamemelele besezililini zabo. 6 Yimibongo kaThixo emqaleni wabo, Likrele elintlangothi mbini esandleni sabo; 7 Ukuze benze impindezelo ezintlangeni, Izohlwayo ezizweni; 8 Bakhonkxe ookumkani bazo ngemixokelelwane, Nabazukileyo kuzo ngamakhamandela esinyithi; 9 Benze kubo isiko elibhaliweyo. Luzuko olo lwabakhe benceba bonke. Haleluya!
|
|