Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
IiNdumiso Chapter139
 
1 Kumongameli; ekaDavide. Umhobe. Yehova, undigocagocile, wandazi.
 
2 Wena uyakwazi ukuhlala kwam nokusuka kwam; Uyaziqonda izicamango zam nakude.
 
3 Ukuhamba kwam nokulala kwam, uyakwela; Uqhelene neendlela zam zonke.
 
4 Ngokuba akukho lizwi elulwimini lwam Ongalaziyo ke, Yehova, kanye.
 
5 Ngasemva nangaphambili undingqingile, Wasibeka phezu kwam isandla sakho.
 
6 Kubalulekile kum oko kwazi, Kuphezulu, kundinqabele.
 
7 Ndingahambela phi na ukumka emoyeni wakho? Ndingabalekela phi na ukumka ebusweni bakho?
 
8 Ukuba ndithe ndenyuka ndaya emazulwini, ulapho wena; Ukuba ndithe ndazandlalela kwelabafileyo, nanko ukho.
 
9 Ukuba ndithe ndaphakamisa amaphiko esifingo, Ndaya ndahlala ekupheleni kolwandle,
 
10 Besingandikhaphayo kwanalapho isandla sakho, Sindibambe isandla sakho sokunene.
 
11 Ukuba ndithe, Mabundisongele ubumnyama bona bodwa, Nokukhanya kube bubusuku ngeenxa zonke kum:
 
12 Kwanobumnyama obo abungebi bubumnyama kuwe; Ubusuku bungaba mhlophe njengemini, Ubumnyama bungaba njengokukhanya
 
13 Ngokuba wena wazibumba izintso zam, Wandibiyela esizalweni sikama.
 
14 Ndiyabulela kuwe ngenxa enokuba ndenziwe ngokoyikekayo, ngokubalulekileyo; Zibalulekile izenzo zakho, Umphefumlo wam uyazi kakuhle.
 
15 Ayengagushekile kuwe amathambo am, Mna ndenzelwayo entsithelweni, Ndalukwa ndayimfakamfele ezinzulwini zomhlaba.
 
16 Amehlo akho andibona ndiseyimbumba, Zazibhalwe encwadini yakho iimini zonke ziphela; Ziyiliwe ngenxa engaphambili, Kungekabikho ke nanye kuzo.
 
17 Kum ke zinjani na ukunqaba izicamango zakho, Thixo! Asingangani isimbuku sazo!
 
18 Zingathi, ndizibalile, zibe ninzi ngaphezu kwentlabathi; Ndakuvuka ndoba ndisenawe.
 
19 Ngamana wambulala ongendawo, Thixo! Nina madoda amagazi, sukani kum.
 
20 Abo bakukhankanyela amayelenqe, Balibizela inkohlakalo igama lakho abazondi bakho.
 
21 Andinakubathiya na abakuthiyayo, Yehova, Ndikruquke ngabasukela phezulu kuwe?
 
22 Ndibathiya ngentiyo ephelelisileyo, Kum mna baziintshaba.
 
23 Ndigocagoce, Thixo, uyazi intliziyo yam; Ndicikide, uzazi iingcinga-ngcinga zam;
 
24 Ubone ukuba kukho ndlela yobubi na kum, Undikhaphele kwindlela engunaphakade.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | 26 | 27 | 28 | 29 | 30 | 31 | 32 | 33 | 34 | 35 | 36 | 37 | 38 | 39 | 40 | 41 | 42 | 43 | 44 | 45 | 46 | 47 | 48 | 49 | 50 | 51 | 52 | 53 | 54 | 55 | 56 | 57 | 58 | 59 | 60 | 61 | 62 | 63 | 64 | 65 | 66 | 67 | 68 | 69 | 70 | 71 | 72 | 73 | 74 | 75 | 76 | 77 | 78 | 79 | 80 | 81 | 82 | 83 | 84 | 85 | 86 | 87 | 88 | 89 | 90 | 91 | 92 | 93 | 94 | 95 | 96 | 97 | 98 | 99 | 100 | 101 | 102 | 103 | 104 | 105 | 106 | 107 | 108 | 109 | 110 | 111 | 112 | 113 | 114 | 115 | 116 | 117 | 118 | 119 | 120 | 121 | 122 | 123 | 124 | 125 | 126 | 127 | 128 | 129 | 130 | 131 | 132 | 133 | 134 | 135 | 136 | 137 | 138 | 139 | 140 | 141 | 142 | 143 | 144 | 145 | 146 | 147 | 148 | 149 | 150 | [ Next ]