|
IiNdumiso Chapter6 1 Kumongameli wokubethelwa izinto ezineentambo:ngelamadoda ilizwi. Umhobe kaDavide. Yehova, musa ukundohlwaya unomsindo, Ungandithethisi unobushushu. 2 Ndibabale, Yehova, ngokuba ndintshwenyile; Ndiphilise, Yehova, ngokuba ekhwankqisiwe amathambo am. 3 Umphefumlo wam ukhwankqiswe kakhulu; Ke wena, Yehova, koda kube nini na? 4 Buya, Yehova, uwuhlangule umphefumlo wam; Ndisindise ngenxa yenceba yakho. 5 Ngokuba ekufeni akusekho kukukhumbula; Kwelabafileyo ngubani na osenokubulela kuwe? 6 Ndidiniwe kukugcuma kwam; Ndiludadisa ubusuku bonke ukhuko lwam, Ndiwenza manzi umandlalo wam ngeenyembezi zam. 7 Lonakele kukukhathazeka iliso lam; Laluphele ngenxa yababandezeli bam bonke. 8 Sukani kum, nina nonke basebenzi bobutshinga; Ngokuba uYehova ulivile ilizwi lokulila kwam. 9 Ukuvile uYehova ukutarhuzisa kwam; UYehova umthandazo wam uyawamkela. 10 Ziya kudana, zikhwankqe kakhulu, zonke iintshaba zam; Ziya kubuyiswa zidanile ngephanyazo.
|
|