|
IiNdumiso Chapter15 1 Umhobe kaDavide. Yehova, ngubani na owophambukela ententeni yakho? Ngubani na owohlala entabeni yakho engcwele? 2 Ngohamba ngokugqibeleleyo, esenza ubulungisa, Othetha inyaniso ngentliziyo yakhe. 3 Ngongahlebiyo ngolwimi lwakhe, Ongamenziyo into embi uwabo, Ongamngcikiviyo ummelwane wakhe; 4 Odelekileyo, ecekiseka, kwawakhe amehlo, Obazukisayo ke bona abamoyikayo uYehova; Ofunga, angajiki, nokuba kubi kuye, 5 Ongayinikeliyo imali yakhe ukuba adle abantu ngayo, Ongenakugaqelwa ngaye omsulwa. Okwenzayo oko akayi kuza ashukunyiswe naphakade.
|
|