Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
UMarko Chapter1
 
1 Ukuqaleka kwayo ivangeli kaYesu Kristu, uNyana kaThixo.
 
2 Njengoko kubhaliweyo ebaprofetini, kwathiwa, Yabona, mna ndithuma umthunywa wam ngaphambi kobuso bakho, Oya kuyilungisa indlela yakho phambi kwakho.
 
3 Izwi lodandulukayo entlango, lisithi, Wulungiseni umendo weNkosi; Zityenenezeni iindlela zayo!
 
4 Kwaye kukho uYohane, ebhaptiza entlango, evakalisa ubhaptizo lwenguquko, ukuze kuxolelwe izono.
 
5 Laye liphuma lisiya kuye lonke ilizwe lakwaYuda nabaseYerusalem; baye bonke bebhaptizwa nguye eYordan emlanjeni, bezixela izono zabo.
 
6 Waye ke kaloku uYohane ambethe uboya benkamela, enombhinqo wentlonze esinqeni sakhe, abe ke esidla iinkumbi nobusi basendle.
 
7 Wayememeza esithi, Emva kwam kuza lowo unamandla kunam, endingafanelekileyo ukuba ndithobe phantsi, ndiwuthukulule nomtya weembadada zakhe.
 
8 Mna okunene ndanibhaptiza ngamanzi, ke yena uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele.
 
9 Kwathi ngaloo mihla kweza uYesu, evela eNazarete yelaseGalili, wabhaptizwa nguYohane eYordan apho.
 
10 Uthe kwaoko, akuba enyuka ephuma emanzini, walibona izulu likrazulwe, noMoya enjengehobe, esihla phezu kwakhe.
 
11 Kwabakho nezwi eliphuma ezulwini, lisithi, Wena unguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo nguye.
 
12 Uthi kwaoko uMoya amkhuphele entlango.
 
13 Waye esentlango apho iintsuku ezimashumi mane, ehendwa nguSathana; waye endawonye namarhamncwa; zaye izithunywa zezulu zimlungiselela.
 
14 Ke kaloku emveni kokufakwa kukaYohane entolongweni, weza uYesu kwelaseGalili, evakalisa iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo,
 
15 esithi, Lizalisekile ixesha, nobukumkani bukaThixo busondele; guqukani, nikholwe kuzo iindaba ezilungileyo ezi.
 
16 Uthe ke, ehamba ngaselwandle lwaseGalili, wabona uSimon, noAndreya umzalwana wakhe, bephosa umnatha elwandle; ngokuba babengababambisi beentlanzi.
 
17 Wathi kubo uYesu, Yizani apha nindilandele; ndonenza nibe ngababambisi babantu.
 
18 Bayishiya kwaoko iminatha yabo, bamlandela.
 
19 Uhambele phambili kancinane esuka apho, wabona uYakobi, lo kaZebhedi, noYohane, umzalwana wakhe, besemkhombeni wabo, beyilungisa iminatha yabo.
 
20 Wababiza kwaoko; bamshiya uyise uZebhedi emkhombeni enabaqeshwa, besuka bamlandela.
 
21 Bangena eKapernahum. Engene kwaoko ngesabatha endlwini yesikhungu, wafundisa.
 
22 Bakhwankqiswa kukufundisa kwakhe; ngokuba ebebafundisa njengonegunya, engafundisi njengabo ababhali.
 
23 Kwaye kukho endlwini yabo yesikhungu umntu onomoya ongcolileyo; wakhala,
 
24 esithi, Yoo! Yini na enathi nawe, Yesu waseNazarete? Uze kusitshabalalisa na? Ndiyakwazi wena, lowo unguye; ungoyiNgcwele kaThixo.
 
25 Wawukhalimela uYesu, esithi, Yithi tu, uphume kuye.
 
26 Uthe umoya ongcolileyo wambetha wee xhwenene; wakhala ngezwi elikhulu, waphuma kuye.
 
27 Baqhiphuka umbilini bonke, ngokokude babuzisane, besithi, Yintoni na le nto? Le mfundiso intsha yiyiphi na, le nto noomoya abangcolileyo aba abathethela ngegunya, bamlulamele?
 
28 Lwaphuma ke kwaoko udumo lwakhe; lwaya kuwo wonke ummandla welaseGalili.
 
29 Kwaoko, bakuphuma endlwini yesikhungu, bangena endlwini kaSimon noAndreya, benoYakobi noYohane.
 
30 Ke kaloku umkhwekazi kaSimon wayelele, esifa yicesina; bamxelela ngaye kwaoko.
 
31 Weza ke kuye, wamvusa embambe ngesandla; yamyeka kwaoko icesina, wabalungiselela.
 
32 Ke kaloku, kwakuhlwa, xa litshonayo ilanga, bazisa kuye bonke ababesifa, nababephethwe ziidemon.
 
33 Waye umzi wonke uhlanganisene ndawonye emnyango apho.
 
34 Waphilisa babaninzi ababesifa zizifo ngezifo; wakhupha needemon ezininzi; waye engazivumeli iidemon ukuba zithethe, kuba bezimazi.
 
35 Uthe kusasa, kusemnyama kakhulu, wavuka, waphuma waya endaweni eyintlango, wathandaza khona apho.
 
36 Bamphuthuma ooSimon nabo babenaye.
 
37 Bemfumene bathi kuye, Bonke bayakufuna.
 
38 Athi kubo, Masihambe siye emizini ekufuphi, ukuze nakhona ndivakalise iindaba ezilungileyo, kuba ndiphumele oko.
 
39 Wayevakalisa ke ezindlwini zabo zesikhungu kulo lonke elaseGalili, ezikhupha needemon.
 
40 Kweza kuye oneqhenqa, embongoza, esiwa ngamadolo phambi kwakhe, esithi kuye, Ukuba uyathanda, unako ukundihlambulula.
 
41 UYesu, esikwe yimfesane ke, wasolula isandla, wamchukumisa, wathi kuye, Ndiyathanda; hlambuluka.
 
42 Akutsho, lemka kwaoko kuye iqhenqa, wahlambuluka.
 
43 Akuba emyalile kalukhuni, wamkhupha kwaoko.
 
44 Athi kuye, Lumka ungaxeleli bani nento le; hamba uye kuzibonisa kumbingeleli, usondeze ngenxa yokuhlanjululwa kwakho ezo zinto wamisa zona uMoses, zibe bubungqina kubo.
 
45 Ke yena, akuphuma, waqala ukuyivakalisa kakhulu nokuyibhengeza loo ndawo, ngokokude angabi saba nako uYesu ukungena mzini ekuhleni; waba ngaphandle ezindaweni eziziintlango; babesithi beze kuye bevela ngeenxa zonke.
 
 

  | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | [ Next ]