|
IiNdumiso Chapter12 1 Kumongameli:ngelamadoda ilizwi. Umhobe kaDavide. Sindisa, Yehova, ngokuba uphelile owenceba, Ngokuba bathe shwaka abanyanisileyo koonyana babantu. 2 Bathetha inkohlakalo omnye nomnye; Bathetha ngomlomo ogudileyo, nangentliziyo embaxa. 3 Ngamana uYehova angayinqumla yonke imilebe yomlomo ogudileyo, Ulwimi oluthetha izinto ezinkulu; 4 Abathe, Ulwimi lwethu siyalupheza; Imilomo yethu yeyethu; ngubani na oyinkosi kuthi? 5 Ngenxa yokubhuqwa kweentsizana, ngenxa yokuncwina kwamahlwempu, Ndiya kusuka ndime ngoku, utsho uYehova; Ndiya kumbeka elusindisweni lowo ululangazelelayo. 6 Amazwi kaYehova ngamazwi acocekileyo, Yisilivere enyibilikiselwe eziko, yela emhlabeni, Ehluzwe kasixhenxe. 7 Wena, Yehova, uya kubagcina, Uya kubalondoloza kwesi sizukulwana ngonaphakade. 8 Abangendawo bahambahamba ngeenxa zonke, Xa kuphakanyiswe abangeni phakathi koonyana babantu.
|
|