Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
IEksodus Chapter1
 
1 Ngawo la ke amagama oonyana bakaSirayeli, ababefike eYiputa noYakobi; beza elowo nendlu yakhe:
 
2 uRubhen, uSimon, uLevi noYuda;
 
3 uIsakare, uZebhulon noBhenjamin;
 
4 uDan noNafetali, uGadi noAshere.
 
5 Iyonke imiphefumlo eyaphumayo esinqeni sikaYakobi yayiyimiphefumlo emashumi asixhenxe; uYosefu yena ubeseleseYiputa.
 
6 Wafa ke uYosefu nabazalwana bakhe bonke, neso sizukulwana sonke.
 
7 Oonyana bakaSirayeli baqhama, banyakazela, banda, baba namandla kakhulu kunene; lazala ilizwe ngabo.
 
8 Kwavela ukumkani omtsha phezu kweYiputa, owayengamazi uYosefu.
 
9 Wathi ebantwini bakhe, Yabonani, abantu oonyana bakaSirayeli baninzi, banamandla kunathi.
 
10 Yizani sibalumkise, hleze bande; bathi, xenikweni kuthe kwehla imfazwe, bathelele nabo kwiintshaba zethu, balwe nathi, banyuke baphume ezweni.
 
11 Bamisa ke phezu kwabo abathetheli bokubafaka uviko, ukuze babacinezele ngemithwalo yabo. Bamakhela ke uFaro imizi enoovimba, iPitom neRameses.
 
12 Okukhona babacinezelayo, kokukhona bandayo, kokukhona baphangalalayo; bakruquka ngabo oonyana bakaSirayeli.
 
13 AmaYiputa ke abakhonzisa oonyana bakaSirayeli ngokutyumzayo;
 
14 abenza bakrakra ubomi babo ngomsebenzi olukhuni, ngodaka nangezitena, nangeentlobo zonke zomsebenzi wasendle; yonke imisebenzi abasetyenziswa yona yayiyetyumzayo.
 
15 Ke kaloku ukumkani waseYiputa wathetha kubazalisikazi abangamaHebherekazi, igama lomnye linguShifra, igama lomnye linguPuwa;
 
16 wathi, Ekuzaliseni kwenu amaHebherekazi, khangelani xa azalayo:ukuba ithe yayinkwenkwe, noyibulala; ukuba ithe yayintombi, yodla ubomi.
 
17 Abazalisikazi boyika uThixo, abenza ngoko wathetha ngako kubo ukumkani waseYiputa, bawasindisa amakhwenkwe.
 
18 Wababiza ukumkani waseYiputa abazalisikazi, wathi kubo, Kungani na ukuba nenze le nto yokuwasindisa amakhwenkwe?
 
19 Bathi abazalisikazi kuFaro, AmaHebherekazi akanjengabafazi bamaYiputa, kuba omelele; azala engekangeni kuwo umzalisikazi.
 
20 Ngoko uThixo wabenzela okulungileyo abazalisikazi. Banda abantu, banamandla kakhulu.
 
21 Kwathi, kuba abazalisikazi babemoyika uThixo, wazisikelela izindlu zabo.
 
22 UFaro wabawisela umthetho abantu bakhe bonke, wathi, Bonke oonyana abathe bazalwa, baphoseni emlanjeni; ke zonke iintombi zisindiseni.
 
 

  | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | 26 | 27 | 28 | 29 | 30 | 31 | 32 | 33 | 34 | 35 | 36 | 37 | 38 | 39 | 40 | [ Next ]