|
IiNdumiso Chapter111 1 Haleluya! Ndiya kubulela kuYehova ngentliziyo yonke, Elucweyweni lwabathe tye nasebandleni. 2 Zikhulu izenzo zikaYehova, Zezokungxokwa iintsingiselo zazo zonke. 3 Unendili nobungangamela umsebenzi wakhe, Ubulungisa bakhe bumi ngonaphakade. 4 Uyenzele ukuze ikhunjulwe imisebenzi yakhe ebalulekileyo; Unobabalo nemfesane uYehova. 5 Ubaphe ukudla abamoyikayo; Uwukhumbule ngonaphakade umnqophiso wakhe. 6 Ubabonise abantu bakhe amandla ezenzo zakhe, Ebanika ilifa leentlanga. 7 Izenzo zezandla zakhe ziyinyaniso nesiko; Zithembekile zonke iziyalezo zakhe. 8 Zizimasekile nanini nangonaphakade; Zenziwe ngenyaniso, zithe tye. 9 Ubathumele abantu bakhe inkululeko; Uwumisele ngonaphakade umnqophiso wakhe; Lingcwele, liyoyikeka, igama lakhe. 10 Ingqalo yobulumko kukoyika uYehova, Banengqiqo elungileyo bonke abenza ngako; Indumiso yakhe ihlala imi.
|
|