|
IiNdumiso Chapter61 1 Kumongameli; eyokubethelwa ngezinto ezineentambo. EkaDavide. Kuve, Thixo, ukuhlahlamba kwam; Wubazele indlebe umthandazo wam. 2 Ndidanduluka kuwe ndisesiphelweni sehlabathi, ekutyhafeni kwentliziyo yam; Ndikhaphele eweni elisemalengalengeni kum. 3 Ngokuba ulihlathi lam, Uyinqaba ende eliqele phambi kotshaba. 4 Ndiya kuphambukela ententeni yakho ngonaphakade, Ndiya kuzimela ngesithe lamaphiko akho. (Phakamisani.) 5 Ngokuba wena, Thixo, uzivile izibhambathiso zam; Ubanike ilifa abaloyikayo igama lakho. 6 Uya kongeza imihla emihleni yokumkani; Iminyaka yakhe iya kuba njengezizukulwana ngezizukulwana; 7 Uya kuhlala ngonaphakade phambi koThixo; Mmisele inceba nenyaniso, ukuba zimlondoloze. 8 Kukhona ndiya kulibethela uhadi igama lakho ngonaphakade, Ndizizalise izibhambathiso zam imihla ngemihla.
|
|