|
IiNdumiso Chapter67 1 Kumongameli; eyokubethelwa ngezinto ezineentambo. Umhobe. Ingoma. Ngamana uThixo wasibabala, wasisikelela, Wabukhanyisa ubuso bakhe kuthi; (Phakamisani.) 2 Ukuze yaziwe ehlabathini indlela yakho, Usindiso lwakho ezintlangeni zonke. 3 Ngamana zabulela izizwe kuwe, Thixo, Zabulela izizwe kuwe zonke ziphela; 4 Zavuya zamemelela izizwe:Ngokuba uya kugweba phakathi kwezizwe ngokuthe tye, Uzikhaphe izizwe ehlabathini. (Phakamisani.) 5 Ngamana zabulela izizwe kuwe, Thixo, Zabulela izizwe kuwe zonke ziphela. 6 Umhlaba uyivelisile indyebo yawo; Uya kusisikelela uThixo, uThixo wethu; 7 Uya kusisikelela uThixo, Zimoyike zonke iziphelo zehlabathi.
|
|