|
IiNdumiso Chapter77 1 Kumongameli. KuYedutun. Eka-Asafu. Umhobe. Izwi lam lisingisa kuThixo, ndikhala; Izwi lam lisingisa kuThixo, ukuba andibekele indlebe. 2 Ngemini yokubandezelwa kwam ndiquqela eNkosini yam; Isandla sam solukile ebusuku, asaqoba; Awavuma ukuthuthuzeleka umphefumlo wam. 3 Ndikhumbula uThixo, ndincwine; Ndithelekelele, utyhafe umoya wam. (Phakamisani.) 4 Uzibambile iinkophe zamehlo am, Ndikhandiwe, andaba nakuthetha. 5 Ndicinga ngemihla yamandulo, Iminyaka yasephakadeni; 6 Ndiya kukhumbula ebusuku ukubetha kwam uhadi; Ndithetha nentliziyo yam, uphengulula umoya wam. 7 Ndithi, Iya kundihlamba ngonaphakade na iNkosi yam, Ingabi saphinda iphathe ngetarhu na? 8 Iphele yaphela na inceba yayo? Sigqibele na isithembiso sayo kwisizukulwana ngesizukulwana? 9 UThixo ukulibele na ukubabala? Uyivingcele ngomsindo kusini na imfesane yakhe? (Phakamisani.) 10 Ndide ndithi ke, Sisifo sam esi; Yiminyaka yesandla sokunene sOsenyangweni. 11 Ndikhankanya izenzo ezincamisayo zikaYehova; Ngokuba ndikhumbula imisebenzi yakho ebalulekileyo yamandulo. 12 Ndicamanga ngako konke ukusebenza kwakho, Ndithelekelele ngezenzo zakho zonke ezincamisayo. 13 Thixo, isebungcweleni indlela yakho; Ngubani na onguthixo omkhulu njengoThixo wethu? 14 UnguloThixo, wenza ngokubalulekileyo; Wawazisa amandla akho ezizweni, 15 Wabakhulula ngengalo abantu bakho, Oonyana bakaYakobi noYosefu. (Phakamisani.) 16 Akubona amanzi, Thixo, Akubona amanzi, azibhija-bhija, Ewe, agungqa amanzi enzonzobila; 17 Amafu engqingqwa aphalaza amanzi, Isibhakabhaka savakalisa isandi; Ewe, iintolo zakho zahamba-hamba. 18 Izwi lendudumo yakho laba sesaqhwithini, Imibane yalikhanyisa elimiweyo, Lagungqa lanyikima ihlabathi. 19 Yaba selwandle indlela yakho, Nomendo wakho waba semanzini amaninzi; Awaziwa umkhondo wakho. 20 Wabakhokela njengezimvu abantu bakho, Ngesandla sooMoses noAron.
|
|