|
UHoseya Chapter1 1 Ilizwi likaYehova elafika kuHoseya unyana kaBheri, ngemihla kaUziya, kaYotam, ka-Ahazi, kaHezekiya, ookumkani bakwaYuda; ngemihla kaYarobheham unyana kaYowashe, ukumkani wakwaSirayeli. 2 Ukuqala kokuthetha kukaYehova noHoseya, wathi uYehova kuHoseya, Yiya uzeke umfazi wobuhenyu nabantwana bobuhenyu; ngokuba ilizwe lihenyuze kakhulu, lemka kuYehova. 3 Waya ke, wazeka uGomere intombi kaDibhelayim; wakhawula, wamzalela unyana. 4 UYehova wathi kuye, Mthiye igama lokuba nguYizereli; ngokuba kusaya kuba ngumzuzwana, ndiwavelele amagazi akwaYizereli kwindlu kaYehu, ndibuphelise ubukumkani bendlu kaSirayeli. 5 Kuya kuthi ngaloo mini ndisaphule isaphetha sakwaSirayeli entilini yaseYizereli. 6 Waphinda wakhawula, wazala intombi. Wathi uYehova kuye, Yithiye igama lokuba nguAkenzelwanga-mfesane ngokuba andiyi kuba saphinda ndiyenzele mfesane indlu kaSirayeli, ndingabaxoleli nokubaxolela. 7 Ndiya kuyenzela imfesane ke indlu kaYuda, ndibasindise ngoYehova uThixo wabo, ndingabasindisi ngasaphetha, nangakrele, nangamfazwe, ngamahashe, nangabamahashe. 8 Akumlumla ke uAkenzelwanga-mfesane, wakhawula wazala unyana. 9 Wathi uYehova, Mthiye igama lokuba nguAsibantu-bam; ngokuba aningabantu bam, nam andiyi kuba ngowenu. 10 Ke inani loonyana bakaSirayeli liya kuba ngangentlabathi yaselwandle, engalinganiswayo, engabalwayo; kuthi endaweni yokuba kuthiwe kubo, Aningabantu bam, kusuke kuthiwe kubo, Ningoonyana bakaThixo ophilileyo. 11 Bohlanganisana ndawonye oonyana bakaYuda noonyana bakaSirayeli, bazimisele intloko ibe nye, banyuke baphume kwelo zwe; kuba iya kuba nkulu imini yaseYizereli.
|
|