|
AND
find keywords in
Home Page
Genesis Exodus Leviticus Numbers Deuteronomy Joshua Judges Ruth 1 Samuel 2 Samuel 1 Kings 2 Kings 1 Chronicles 2 Chronicles Ezra Nehemiah Esther Job Psalms Proverbs Ecclesiastes Song of Solomon Isaiah Jeremiah Lamentations Ezekiel Daniel Hosea Joel Amos Obadiah Jonah Micah Nahum Habakkuk Zephaniah Haggai Zechariah Malachi Matthew Mark Luke John Acts Romans 1 Corinthians 2 Corinthians Galatians Ephesians Philippians Colossians 1 Thessalonians 2 Thessalonians 1 Timothy 2 Timothy Titus Philemon Hebrews James 1 Peter 2 Peter 1 John 2 John 3 John Jude Revelation
|
|
|
IiNdumiso Chapter136 1 Bulelani kuYehova, ngokuba elungile:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe. 2 Bulelani kuThixo woothixo:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe. 3 Bulelani kuNkosi kankosi:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe. 4 KuloMenzi wemisebenzi ebalulekileyo emikhulu yedwa:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe. 5 KuloMenzi wezulu ngengqondo:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe. 6 KuloMtwabululi wehlabathi phezu kwamanzi:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe. 7 KuloMenzi wezikhanyiso ezikhulu:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe; 8 Ilanga lilawule emini:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe; 9 Inyanga neenkwenkwezi zilawule ebusuku:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe. 10 Kulowabulala amaYiputa kumazibulo awo:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe. 11 Wawakhupha amaSirayeli phakathi kwawo:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe. 12 Ngesandla esithe nkqi, nangengalo eyolukileyo:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe. 13 KuloMgabuli woLwandle oluBomvu, lwagabuka:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe. 14 Wawaweza amaSirayeli esazulwini salo:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe. 15 Wamvuthululela uFaro nempi yakhe eLwandle oluBomvu:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe. 16 Kulohambisa abantu bakhe entlango:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe. 17 Kulowaxabela ookumkani abakhulu:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe. 18 Wabulala ookumkani abaziingangamsha:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe; 19 USihon, ukumkani wama-Amori:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe; 20 No-Ogi, ukumkani waseBhashan:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe. 21 Walinikela ilizwe labo laba lilifa:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe, 22 Laba lilifa kuSirayeli umkhonzi wakhe:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe. 23 Owasikhumbulayo ebuphantsini bethu:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe. 24 Wasihlangula kwabasibandezelayo:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe. 25 Ulonika into yonke ephilileyo ukudla:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe. 26 Bulelani kuThixo wamazulu:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
|
|
|