|
IiNdumiso Chapter113 1 Haleluya! Dumisani, bakhonzi bakaYehova, Dumisani igama likaYehova. 2 Malibongwe igama likaYehova, Kususela ngokunje, kude kuse ephakadeni. 3 Kwasekuphumeni kwelanga kuse ekutshoneni kwalo, Malidunyiswe igama likaYehova. 4 Uphakamile ngaphezu kweentlanga zonke uYehova, Bungaphezulu kwamazulu ubuqaqawuli bakhe. 5 Ngubani na onjengoYehova, uThixo wethu? Ulohlala phezulu; 6 Uloqondela phantsi; Ezulwini nasemhlabeni? 7 Ulomvusa eluthulini osweleyo, Ulomphakamisa ezaleni olihlwempu, 8 Ukuba amhlalise namanene, Amanene abantu bakhe; 9 Ulohlalisa endlwini umfazi ongazaliyo, Abe ngunobantwana ovuyayo. Haleluya!
|
|