|
IiNdumiso Chapter130 1 Ingoma yezinyuko. Ezinzulwini ndinqula wena, Yehova, 2 Nkosi, yiva ilizwi lam. Iindlebe zakho mazilibazele Ilizwi lokutarhuzisa kwam. 3 Ukuba uthe wabunqala ubugwenxa, Yehova, Ngubani na ongaba nokuma, Nkosi? 4 Ngokuba kunawe ukuxolela, Ukuze woyikwe. 5 Ndithembele kuYehova, uthembile umphefumlo wam; Ndilinde ilizwi lakhe. 6 Umphefumlo wam ulindele eNkosini Ngaphezu kwabalinde ukusa, Ewe, abalinde ukusa. 7 Lindela kuYehova, Sirayeli, Ngokuba inceba ikuYehova; Ikuye inkululeko eninzi. 8 Yena ke wowakhulula amaSirayeli Ebugwenxeni bawo bonke.
|
|