|
IiNdumiso Chapter125 1 Ingoma yezinyuko. Abo bakholosa ngoYehova banjengentaba yaseZiyon:Ayishukumi, ihleli ngonaphakade. 2 IYerusalem ijikelezwe ziintaba; Ke uYehova ubajikelezile naye abantu bakhe, Kususela ngoku kude kuse ephakadeni. 3 Ngokuba ayiyi kuhlala intonga yokungendawo elifeni lamalungisa, Ukuze amalungisa angazisi ebugqwetheni izandla zawo. 4 Yehova, yenza okulungileyo kwabalungileyo, Kwabathe tye ezintliziyweni zabo. 5 Ke bona abathi gu bucala ngeendlela zabo ezimagoso-goso, UYehova makabemkise, kunye nabasebenzi bobutshinga. Malube luxolo kuSirayeli.
|
|