Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
EyesiBini kwabaseKorinte Chapter1
 
1 UPawulos, umpostile kaYesu Kristu ngokuthanda kukaThixo, noTimoti umzalwana, ubhalela ibandla likaThixo eliseKorinte, kunye nabo bonke abangcwele abakwelaseAkaya liphela:
 
2 uthi, makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo, uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu.
 
3 Makabongwe uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu, uSozimfefe, uThixo onako konke ukuthuthuzela,
 
4 osithuthuzelayo kuyo yonke imbandezelo yethu, ukuze sibe nako ukubathuthuzela abakwinto yonke eyimbandezelo, ngayo intuthuzelo esithuthuzelwa ngayo nathi nguye uThixo.
 
5 Ngokuba, njengokuba iintlungu zikaKristu ziphuphumela kuthi, ngokunjalo ithi nentuthuzelo yethu iphuphume ngoKristu.
 
6 Nokuba na ke siyabandezelwa, oko kwenzelwa ukuthuthuzela nokusindisa nina, ukusindisa ke okusebenzayo ngokunyamezela kwenu kwa-ezo ntlungu sizivayo nathi; nokuba na ke siyathuthuzelwa, oko kwenzelwa ukuthuthuzela nokusindisa nina.
 
7 Kanjalo ithemba lethu ngani liqinisekile; sisazi ukuba, njengokuba ningamadlelane nathi ngazo iintlungu, ngokunjalo niyakuba ngawo nangentuthuzelo.
 
8 Kuba asithandi ukuba ningayazi, bazalwana, imbandezelo yethu eyasihlelayo kwelaseAsiya:ukuba saxineka ngokuncamisileyo, ngaphezu kwamandla ethu, ngokokude sibuncame kanye nobomi.
 
9 Sasuka ngokwethu saba nesigwebo sokufa ngaphakathi kwethu, ukuze singabi ngabasazithembayo, sithembele kuThixo lo ubavusayo abafileyo;
 
10 owasihlangulayo ekufeni okungako, osihlangulayo nangoku; esithembele kuye ukuba usaya kusihlangula:
 
11 nakubon’ ukuba niyancedisa nani ngokusikhungela, ukuze isipho esingokubabalwa, esenzelwe sona thina ngabantu abaninzi, sibulelwe ngabaninzi ngenxa yethu.
 
12 Kuba oko kuqhayisa kwethu kukungqina kwesazela sethu, ukuba sithe ehlabathini apha, ngokukodwa ke kuni, sahlala singabangenakumbi, sinokungcwengeka okuvela kuThixo, singenabulumko bubobenyama, sinobabalo lukaThixo.
 
13 Kuba asinibhaleli zimbi izinto, ikwazezo nizilesayo, nizaziyo kakuhle. Ndiyathemba ke ukuba niya kuzazi kakuhle, kude kuse nasekupheleni,
 
14 njengokuba nasaziyo kakuhle ngokuyinxenye, ukuba siliqhayiya lenu, kwanjengokuba nani nilelethu ngemini yeNkosi uYesu.
 
15 Ndinaloo nkoloseko ke, ndanqwenela ukunga ndingeza kuni kuqala, ukuze nibabalwe okwesibini;
 
16 ndize ndicande kuni ukuya kwelaseMakedoni; ndibuye, ndivela kwelaseMakedoni, ndize kuni, ndiphelekelelwe nini ukuya kwelakwaYuda.
 
17 Xa ngoko ndandifuna oko, ndandifeketha na kanti? Okanye izinto endizicebayo, ndiziceba ngokwenyama yini na ukuze nje kubekho kum uewe, ewe; nohayi, hayi?
 
18 Ethembekile nje ke uThixo, ilizwi lethu kuni alibanga nguewe nohayi.
 
19 Kuba yena okaThixo uNyana, uYesu Kristu, owavakaliswayo phakathi kwenu sithi (ndim ke noSilvano noTimoti), akabanga nguewe nohayi; kuye nguewe kwakanye;
 
20 kuba ngangoko angako amadinga kaThixo, uewe ukuye, noamen ukuye, ukuze kuzukiswe uThixo ngathi.
 
21 Osiqiniselayo ke ndawonye nani kuKristu, osithambisayo ke, nguThixo;
 
22 ositywine wasiqinisa, wasinika isinyaniso soMoya, saba sezintliziyweni zethu.
 
23 Mna ke ndibiza uThixo, ukuba abe lingqina emphefumlweni wam, ukuba kungokunivela, endithe ndaba andikezi eKorinte.
 
24 Anditsho ngakulugagamela ukholo lwenu; nditsho ngokuba singabasebenza nani uvuyo lwenu; kuba nimi ngokholo.
 
 

  | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | [ Next ]