|
IiNdumiso Chapter133 1 Ingoma yezinyuko; kaDavide. Yabonani, ukuba kuhle, ukuba mnandi, Ukuthi abazalwana bahlale bemxhelo mnye! 2 Kunjengeoli elungileyo entloko, Isihla ezindevini, Ezindevini zika-Aron, Isihla iye emqukumbelweni weengubo zakhe. 3 Kunjengombethe waseHermon, Ohla phezu kweentaba zaseZiyon; Ngokuba uYehova wayimisela khona apho intsikelelo, Ubomi, kude kuse ephakadeni.
|
|