|
IiNdumiso Chapter3 1 Umhobe kaDavide, ekubalekeni kwakhe kuAbhisalom unyana wakhe. Yehova, hayi, ukuba baninzi kwabandibandezelayo! Baninzi abasukela phezulu kum. 2 Baninzi abathi kumphefumlo wam, Akunalusindiso kuThixo. (Phakamisani.) 3 Ke wena, Yehova, uyingweletshetshe kum, Uluzuko lwam, umphakamisi wentloko yam. 4 Ndidanduluka kuYehova ngezwi lam, Andiphendule entabeni yakhe engcwele. (Phakamisani.) 5 Ndalala phantsi, ndalala ubuthongo; Ndavuka, ngokuba uYehova endixhasa. 6 Andizoyiki izigidi zabantu Abakhe uluhlu lokulwa ngeenxa zonke kum. 7 Khawusuk’ ume, Yehova; ndisindise, Thixo wam; Ngokuba uzibetha zonke iintshaba zam emhlathini; Amazinyo abangendawo uyawaphula. 8 Usindiso lolukaYehova:Mayibe phezu kwabantu bakho intsikelelo yakho. (Phakamisani.)
|
|