|
IiNdumiso Chapter86 1 Umthandazo kaDavide. Thoba indlebe yakho, Yehova, ndiphendule, Ngokuba ndilusizana, ndilihlwempu. 2 Wugcine umphefumlo wam, ngokuba ndingowenceba; Msindise, wena Thixo wam, umkhonzi wakho, Lo ukholose ngawe. 3 Ndibabale, Nkosi yam, Ngokuba ndidanduluka kuwe yonke imini. 4 Wuvuyise umphefumlo womkhonzi wakho, Ngokuba umphefumlo wam ndiwuphakamisela kuwe, Nkosi yam; 5 Ngokuba ulungile wena, Nkosi yam, uxolela; Umkhulu ngenceba kubo bonke abakunqulayo. 6 Wubekele indlebe umthandazo wam, Yehova, Ulibazele indlebe izwi lokutarhuzisa kwam. 7 Ngemini yokubandezelwa kwam ndinqula wena, Ngokuba uya kundiphendula. 8 Akukho unjengawe, Nkosi yam, phakathi koothixo; Akukho zenzo zinjengezakho. 9 Zonke iintlanga owazenzayo ziya kuza ziqubude phambi kwakho, Nkosi yam, Zizukise igama lakho. 10 Ngokuba umkhulu, wenza imisebenzi ebalulekileyo, UnguThixo wena wedwa. 11 Ndiyalele, Yehova, indlela yakho, Ndihambe ngenyaniso yakho; Yibandakanye intliziyo yam ukuba ndiloyike igama lakho. 12 Ndiya kubulela kuwe, Nkosi yam, Thixo wam, ngentliziyo yonke, Ndilizukise igama lakho ngonaphakade: 13 Ngokuba inceba yakho ibe inkulu kum; Wawuhlangula umphefumlo wam kwelingaphantsi labafileyo. 14 Thixo, abakhukhumali basukele phezulu kum; Ibandla labanobungqwangangqwili lifuna umphefumlo wam; Abakumisi wena phambi kwabo. 15 Ke wena, Nkosi yam, unguThixo onemfesane, onobabalo, Ozeka kade umsindo, omkhulu ngenceba nenyaniso. 16 Ndibheke, undibabale; Mphe amandla akho umkhonzi wakho, Umsindise unyana womkhonzazana wakho. 17 Ndenzele umqondiso wokulungileyo, Bawubone abandithiyayo, badane, Kuba wena, Yehova, undincedile, wandithuthuzela.
|
|