|
IiNdumiso Chapter54 1 Eyokubethelwa ngezinto ezineentambo. Kumongameli. Eyokuqiqa. EkaDavide:ekufikeni kwabaseZifi, bathi kuSawule, UDavide akazimele phakathi kwethu na? Thixo, ndisindise ngegama lakho, Uligwebe ityala lam ngobugorha bakho. 2 Thixo, yiva umthandazo wam; Wabekele indlebe amazwi omlomo wam. 3 Ngokuba abasemzini basukela phezulu kum, Nabanobungqwangangqwili bafuna umphefumlo wam; Abammisi uThixo phambi kwabo. (Phakamisani.) 4 Yabona, uThixo ngumncedi wam; INkosi yam ikwabasekela umphefumlo wam. 5 Uya kubuyisela ububi kwabandilalelayo; Ngenyaniso yakho babhangise. 6 Ndiya kubingelela kuwe ngokuqhutywa yintliziyo; Ndiya kubulela kwigama lakho, Yehova, kuba lilungile. 7 Ngokuba lindihlangule embandezelweni yonke; Iliso lam libonela iintshaba zam.
|
|