|
INtshumayeli Chapter1 1 Amazwi eNtshumayeli, unyana kaDavide, ukumkani waseYerusalem. 2 Amampunge awo amampunge, itsho iNtshumayeli; amampunge awo amampunge, yonke into ingamampunge. 3 Unalungelo lini umntu emigudwini yakhe yonke, ayenzayo phantsi kwelanga? 4 Kumka esinye isizukulwana, kulandele esinye isizukulwana; ke lona ihlabathi limi ngonaphakade. 5 Ilanga liyaphuma, ilanga libuya litshone, liphikele endaweni yalo apho liphuma khona. 6 Umoya uya ezantsi, ujikeleze usinge entla, uhamba ujikajikeleza, ubuye ubuya umoya ekujikelezeni kwawo. 7 Yonke imilambo iya elwandle, ukanti ulwandle aluzali; endaweni eya kuyo imilambo, ibuya iye kwakhona. 8 Zonke izinto ziyazixhamla; umntu akanako ukuzithetha; alihluthi iliso kukubona, ayizali indlebe kukuva. 9 Into eyayikho yeya kubuya ibekho; into eyenzekayo yeya kubuya yenzeke yona. Akukho nto intsha phantsi kwelanga. 10 Ukuba kukho into ekuthiwa, Yabona, le intsha! ibiselikho kade, emaphakadeni abekho ngaphambi kwethu. 11 Akukho kukhumbula abokuqala; nabasemva abaya kubakho, abayi kukhunjulwa ngabaya kuza emva kwabo. 12 Mna, Ntshumayeli, ndibe ndingukumkani kwaSirayeli eYerusalem. 13 Intliziyo yam ndayinikela ukuba ingxoke, isingasinge ngobulumko, yonke into eyenzekayo phantsi kwezulu; ngumzamo ombi uThixo awunike oonyana babantu, ukuba bawuzame. 14 Ndazikhangela zonke izenzo ezenzekayo phantsi kwelanga; yabona, zonke zingamampunge nokusukelana nomoya. 15 Into egoso ayinakolulwa; into engekhoyo ayinakubalwa. 16 Ndathetha mna nentliziyo yam, ndisithi, Yabona, mna ndikhulise ndandisa ubulumko, ngaphezu kwabo bonke ababephethe iYerusalem phambi kwam; nentliziyo yam ibone kakhulu ubulumko nokwazi. 17 Intliziyo yam ndayinikela ekwazini ubulumko, nasekwazini ubugeza nobuyatha; kwanaloo nto ndayiqonda ukuba kukusukelana nomoya. 18 Ngokuba ebuninzini bobulumko kukho ukuhlelwa sisiyengelezane esininzi; owongeza ukwazi, wongeza umvandedwa.
|
|