|
IiNdumiso Chapter39 1 Kumongameli, kuYedutun. Umhobe kaDavide. Ndathi, Ndiya kuzigcina iindlela zam, Ndingoni ngolwimi lwam; Ndiya kuwugcina ngokuwubopha umlomo wam, Xa ongendawo asephambi kwam. 2 Ndaba sisidenge, ndathozama, Ndazisulungisa nakokulungileyo; Wagxobha-gxobheka umvandedwa wam. 3 Yaba nobushushu intliziyo yam phakathi kwam, Ekucamangeni kwam wavutha umlilo. Ndathetha ke ngolwimi lwam, 4 Ndathi, Ndazise, Yehova, isiphelo sam, Nomlinganiso wemihla yam, into oyiyo; Mandikwazi ukunqamka kwam, into okuyiyo. 5 Yabona, uyenze imihla yam yangangobubanzi besandla; Nobomi bam bunjengento engento phambi kwakho; Ngumphunga nje bonke abantu, nakuba bemi. (Phakamisani.) 6 Uhamba-hamba umntu enjengesithunzi nje kodwa; Baxokozela ngomphunga nje kodwa; Bafumba, bengazi ukuba ngubani na oya kukuhlanganisa. 7 Ngoku ndiya kuthembela kwintoni na, Nkosi yam? Ukulinda kwam kukuwe. 8 Ndihlangule elukreqweni lwam lonke; Musa ukundimisela ingcikivo yesidenge. 9 Ndisisidenge, umlomo wam andiwuvuli, Ngokuba oko kwenziwe nguwe. 10 Sisuse kum isibetho sakho; Mna ndiyaphela kukutyundyutha kwesandla sakho. 11 Wakumthethisa umntu ngezohlwayo ngenxa yobugwenxa, Uyasonakalisa njengenundu isoya sakhe; Bangumphunga nje kodwa bonke abantu. (Phakamisani.) 12 Yiva umthandazo wam, Yehova, Kubekele indlebe ukuzibika kwam. Musa ukuthi tu ezinyembezini zam; Ngokuba ndingumphambukeli kuwe, Undwendwe, njengoobawo bonke. 13 Bheka phaya, ungandikhangeli, khendincumeze, Ndingekemki ndingabi sabakho.
|
|