Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
EyesiThathu kaYohane Chapter1
 
1 Indoda enkulu ibhalela uGayo oyintanda, endimthandayo mna ngenyaniso:ithi,
 
2 Ntanda, ndinga ungathi ngezinto zonke usikeleleke uphile, njengokuba usikelelekile umphefumlo wakho.
 
3 Kuba ndavuya kunene, bakufika abazalwana, bangqina ngenyaniso ekuwe, njengokuba wena uhamba enyanisweni.
 
4 Andinaluvuyo lungaphezu kolu, lokuba ndive ukuba abantwana bam bahamba enyanisweni.
 
5 Ntanda, wenza okuthembekileyo, oko sukuba ukwenzela abazalwana nabasemzini,
 
6 abalungqineleyo uthando lwakho phambi kwebandla; owothi ukuba ubaxhobisele indlela ngokufanele uThixo, ube uyatyapha;
 
7 kuba baphuma ngenxa yegama lakhe, bengathabathanga nto kuzo iintlanga.
 
8 Thina ngoko sifanele ukubaxhasa abanjalo, ukuze sibe ngabasebenzisana nabo kuyo inyaniso.
 
9 Ndalibhalela ibandla; ke usuke lowo uthanda ukuzenza mkhulu kubo, uDiyotrefe, angasamkeli.
 
10 Ngenxa yoko, ukuba ndithe ndafika, ndomkhumbuza imisebenzi yakhe ayenzayo, ephololoza ngathi ngamazwi angendawo; enganeli koko, usuka angabamkeli abazalwana ngokwakhe, abalele abanga bangenjenjalo, abakhuphe ebandleni.
 
11 Ntanda, musa ukulandela okubi, landela okulungileyo. Lowo wenza okulungileyo ungokaThixo; ke lowo wenza okubi akambonanga uThixo.
 
12 UDemetriyo ungqinelwe ngabo bonke, nayiyo inyaniso; nathi ke siyangqina; niyazi ukuba ubungqina bethu buyinene.
 
13 Ndandinezinto ezininzi endingazibhalayo, kodwa andithandanga kuzibhala ngainki nangalusiba;
 
14 ndiyathemba ke ukuba ndokubona kwakufuphi nje, sithethe ngomlomo. Uxolo malube kuwe. Ziyakubulisa izihlobo. Zibulise izihlobo ngegama. Amen.
 
 

  |