Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
UYobhi Chapter22
 
1 Wasusela uElifazi wakwaTeman, wathi,
 
2 Umfo unokumnceda na uThixo? Hayi bo! Uzinceda ngokwakhe oqiqayo.
 
3 Kumnandi na kuSomandla, xa ulilungisa? Kuyinzuzo na kuye, ukuba uyazigqibelelisa iindlela zakho?
 
4 Uya kukohlwaya na ngenxa yokoyika kwakho uThixo, Aye nawe ematyaleni?
 
5 Ububi bakho abubukhulu na? Ubugwenxa bakho asibobungaphele ndawo na?
 
6 Kuba ububambise umzalwana wakho ngelize, Ububahluba abaze iingubo.
 
7 Ubungamsezi manzi otyhafileyo, Olambileyo ubumwimba ukutya.
 
8 Ke indoda enengalo, belilelayo ilizwe; Obekekileyo ubehlala kulo.
 
9 Abahlolokazi ububandulula belambatha, Neengalo zeenkedama ubuzityumza.
 
10 Ngenxa yoko imigibe ikujikelezile, Ukhwankqiswe ngesiquphe kukunkwantyiswa.
 
11 Khona akububoni na ubumnyama, Nobuninzi bamanzi akugubungelayo?
 
12 UThixo ukuphakama kwakhe asikokwamazulu yini na? Bona ke intloko yazo iinkwenkwezi, ukuba phezulu kwayo!
 
13 Uthi ke wena, Wazi ntoni na uThixo? Unokugweba na, engaphaya kobumnyama bamafu?
 
14 Amafu amsithile, akaboni; Uzihambela okwakhe esazingeni samazulu.
 
15 Umendo wasephakadeni uya kuwugcina na, Abawunyatheleyo abantu abanobutshinga?
 
16 Abashwabene lingekabi lixesha; Lwanyibilika, lwangumsinga useko lwabo,
 
17 Ababesithi kuThixo, Suka kuthi; Angabenza ntoni na uSomandla?
 
18 Kanti ebenguye ozalisa izindlu zabo ngezinto ezilungileyo. Iqhinga labangendawo malibe lee kum.
 
19 Aya kubona oko amalungisa, avuye; Omsulwa uyabagculela, esithi,
 
20 Inene, abasukele phezulu kum bathe shwaka, Wakudla umlilo ukuphuphuma kwabo.
 
21 Khawenze ubuhlobo naye, ube noxolo; Ngaloo nto wozelwa kokulungileyo.
 
22 Khawamkele umyalelo emlonyeni wakhe, Ubeke iintetho zakhe entliziyweni yakho.
 
23 Ukuba uthe wabuyela kuSomandla, uya kwakhiwa. Ukuba uthe wabubeka kude ubugqwetha ezintenteni zakho,
 
24 Walibeka eluthulini ilitye legolide, Wayibeka eluhlalwini lwemilanjana neyakwaOfire:
 
25 USomandla woba lilitye legolide kuwe, Nesilivere ebengezelayo kakhulu.
 
26 Ngokuba uya kwandula ukuziyolisa ngoSomandla, Ubuphakamisele kuThixo ubuso bakho.
 
27 Wothandaza kuye, eve, Uzizalise izibhambathiso zakho;
 
28 Usongele into, ifezeke kuwe; Ezindleleni zakho kukhanye, kube mhlophe.
 
29 Xa zithe zehla, wothi, Phezulu! Amsindise omehlo aqondele phantsi.
 
30 Uya kusindisa nongemsulwa, Asizwe bubunyulu bezandla zakho.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | 26 | 27 | 28 | 29 | 30 | 31 | 32 | 33 | 34 | 35 | 36 | 37 | 38 | 39 | 40 | 41 | 42 | [ Next ]