Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
UYobhi Chapter21
 
1 Waphendula uYobhi, wathi,
 
2 Yivani, nikuve ukuthetha kwam; Kube ziintuthuzelo zenu oku.
 
3 Ndithwaleni, ndithethe nam; Nigculele emva kwamazwi am.
 
4 Mna, inkalazo yam isemntwini yini na? Khona bekungani ukuba ungazekaneki umoya wam?
 
5 Bhekani kum, nimangaliswe; Bekani isandla emlonyeni.
 
6 Okunene, ndakukhumbula, ndisuka ndikhwankqiswe, Nenyama yam ibanjwe kukududuzela.
 
7 Yini na ukuba abangendawo badle ubomi, Babe badala, kananjalo bomelele, babe namandla?
 
8 Imbewu yabo iqinile phambi kwabo, inabo; Nabaphume embilinini wabo basemehlweni abo.
 
9 Izindlu zabo zinoxolo, kungekho kunkwantya, Nentonga kaThixo ayibafikeli.
 
10 Inkunzi yabo iyazeka ingahlohleli; Imazi yabo iyazala ingaphunzi.
 
11 Bayawakhuphela njengomhlambi amakhwenkwe abo, Nabantwana babo bayadloba.
 
12 Baphakamisa ilizwi benengqongqo nohadi, Bavuye lilizwi logwali.
 
13 Bayayigqiba imihla yabo ngokuchwayitha, Behle ngephanyazo ukuya kwelabafileyo.
 
14 Bathi kuThixo, Suka kuthi, Asikunanzile ukuzazi iindlela zakho.
 
15 Uyini na uSomandla, ukuba simkhonze? Kusinceda ntoni na ukumjoka?
 
16 Yabona, azisesandleni sabo izinto zabo ezilungileyo; Iqhinga labangendawo malibe lee kum.
 
17 Kukangaphi na ke isibane sabangendawo sicinywa? Kubafikela ukusindeka kwabo? Ababele uThixo izintya ngomsindo wakhe?
 
18 Babe njengengca enqunqiweyo phambi komoya, Njengomququ ohlaselwa sisaqhwithi?
 
19 Nithi, UThixo ububekela abantwana babo ubutshinga babo. Makabuphindezele kubo ngokwabo, bazi bona;
 
20 Makayibone inkxwaleko yabo amehlo abo, Babusele ubushushu boSomandla.
 
21 Ngokuba bayinanze ngani bona indlu yabo emva kwabo, Lakuqhitshulwa inani leenyanga zabo?
 
22 Uya kufundiswa ukwazi uThixo na, Lowo ugweba abaphezulu?
 
23 Omnye ufa emandleni okwakhe ukuphila, Onwabile kanye, echulumachile.
 
24 Iimvaba zakhe zizele ngamasi, Nomongo wamathambo akhe utyebile.
 
25 Omnye ufa ukrakra umphefumlo wakhe, Engadlanga zinto zilungileyo.
 
26 Balala ndawonye eluthulini, Iimpethu ziyabagubungela bobabini.
 
27 Yabona, ndiyazazi iingcinga zenu, Namayelenqe enindigonyamela ngawo.
 
28 Xa nithi, Iphi na indlu yesibhovubhovu? Iphi na intente ebalulekileyo yabangendawo?
 
29 Anibuzanga na kwabadlula ngendlela? Imiqondiso yabo ninako na ukuyikhanyela?
 
30 Ukuba ngemini yokusindeka wanqandwa ongendawo, Ngemini yokuphuphuma umsindo wemkiswa?
 
31 Ngubani na ongaxela ebusweni bakhe indlela yakhe? Enze into yena, ngubani na oya kuphindezela kuye?
 
32 Usiwa emangcwabeni yena, Alinde esigangeni.
 
33 Anencasa kuye amagada esihlambo; Emva kwakhe kulandela lonke uluntu, Nangaphambi kwakhe belungenakubalwa.
 
34 Ningathini na ke ukundithuthuzela ngeento ezingento, limpendulo zenu zisele zibubumenemene nje?
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | 26 | 27 | 28 | 29 | 30 | 31 | 32 | 33 | 34 | 35 | 36 | 37 | 38 | 39 | 40 | 41 | 42 | [ Next ]