Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
UYobhi Chapter5
 
1 Khawubize kambe, ukuba ukho na owokuphendula. Uya kubheka kuwuphi na kwabangcwele?
 
2 Kuba ingqumbo iyambulala osisimathane, Nekhwele liyambulala osisiyatha.
 
3 Ndimbonile mna osisimathane emila; Ndaza ndalishwabulela ngesiquphe ikhaya lakhe.
 
4 Bakude nosindiso abantwana bakhe, Batyunyuzwa esangweni bengenamhlanguli;
 
5 Ekubeni abalambileyo besidla uvuno lwakhe, Balurhole naseluthangweni lwesiphingo; Abanxaniweyo bazonda ubutyebi babo.
 
6 Kuba inkohlakalo ayiphumi eluthulini, Nobubi abuntshuli emhlabeni;
 
7 Hayi, umntu uzalelwa ububi, Njengokuba iintlantsi zinyuka ukubaleka kwazo.
 
8 Ke mna bendiya kusingisa kuThixo, Indawo yam ndiyibhekise kuThixo,
 
9 Owenza izinto ezinkulu ezingenakugocwagocwa, Imisebenzi ebalulekileyo engenakubalwa;
 
10 Ulonika imvula phezu kobuso bomhlaba, Ase amanzi phezu kwamaphandle,
 
11 Ukuba abathobekileyo abamise ezindaweni eziphakamileyo, Abanezimnyama zokuzila banyukele elusindisweni.
 
12 Utshitshisa iingcinga zabo banobuqhophololo, Zingenzi nto izimasekileyo izandla zabo.
 
13 Ubambisa izilumko kubuqhophololo bazo, Iqhinga labanobuqokolo lingxamiseke ke.
 
14 Emini baqubisana nobumnyama, Baphuthaphuthe kwemaqanda, ngathi kusebusuku.
 
15 Usindisa ihlwempu ekreleni, emlonyeni wabo, Nasesandleni sowomeleleyo.
 
16 Kubekho ke ithemba kosweleyo, Ubugqwetha buwuvale umlomo wabo.
 
17 Yabona, unoyolo mntu owohlwaywa nguThixo! Musa ke ukukucekisa ukuthethisa kukaSomandla!
 
18 Kuba wenza buhlungu, abophe; Uyaphalusa, ziphilise izandla zakhe.
 
19 Ezimbandezelweni ezintandathu uya kukuhlangula, Nakwezisixhenxe akuyi kuchukunyiswa bububi;
 
20 Endlaleni ukukhulula ekufeni Emfazweni ukukhulula ekuxatyelweni ngekrele,
 
21 Eziniyeni yolwimi uzinyezwe, Ungoyiki imbuqo, yakufika.
 
22 Imbuqo nendlala uya kuyihleka, Nerhamncwa lasendle ungaloyiki.
 
23 Kuba unqophisene namatye asendle, Amarhamncwa asendle axolelene nawe;
 
24 Uya kwazi ukuba uxolo yintente yakho, Ulivelele ikhaya lakho, ungaphosani nanto;
 
25 Uyazi ukuba ininzi imbewu yakho, Nenzala yakho injengomfuno wehlabathi.
 
26 Uya kungena engcwabeni womelele, Njengokungeniswa kwesithungu ngexesha laso.
 
27 Bona, oku sikugocagocile, kunjalo; Kuve, ukwazi wena ngokwakho.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | 26 | 27 | 28 | 29 | 30 | 31 | 32 | 33 | 34 | 35 | 36 | 37 | 38 | 39 | 40 | 41 | 42 | [ Next ]