Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
UYobhi Chapter2
 
1 Kwathi ngamhla uthile, oonyana bakaThixo beza kuzimisa phambi koYehova; weza noSathana phakathi kwabo, ukuba azimise phambi koYehova.
 
2 Wathi uYehova kuSathana, Uvela phi na? USathana wamphendula uYehova, wathi, Ekutyhutyha-tyhutyheni ehlabathini, nasekuhamba-hambeni kulo.
 
3 Wathi uYehova kuSathana, Umgqalile na kodwa umkhonzi wam uYobhi, ukuba akukho unjengaye ehlabathini, indoda egqibeleleyo, ethe tye, emoyikayo uThixo, etyekayo ebubini:esabambeleleyo ekugqibeleleni kwayo, noko undixhokonxele kuyo ukubandiyiginyele ilize?
 
4 USathana wamphendula uYehova, wathi, Ulusu ngenxa yolusu; konke anako umntu wokunika ngenxa yomphefumlo wakhe.
 
5 Kodwa ke khawuse isandla sakho ngoku, uchukumise emathanjeni akhe nasenyameni yakhe, ukuba akayi kukulahla na nawe lo, akwenze oko ebusweni bakho.
 
6 Wathi uYehova kuSathana, Nanko esesandleni sakho; kuphela wogcina umphefumlo wakhe.
 
7 Waphuma ke uSathana, wemka ebusweni bukaYehova; wambetha uYobhi ngamathumba amabi, wathabathela entendeni yonyawo lwakhe, wesa elukakayini lwakhe.
 
8 Wathabatha ukhamba ukuba azikhuhle ngalo, ehleli eluthuthwini.
 
9 Wathi umkakhe kuye, Usabambelele na ekugqibeleleni kwakho? Mlahle uThixo, ufe.
 
10 Wathi yena kuye, Uthetha njengesidengekazi. Siya kwamkela okulungileyo kuThixo, singamkeli nokubi, yini na? Kuko konke oko akonanga uYobhi ngomlomo wakhe.
 
11 Ke kaloku izihlobo ezithathu zikaYobhi zabuva bonke obo bubi bumfikeleyo, zeza, saeso sivela endaweni yaso:uElifazi wakwaTeman, noBhiledadi wakwaShuwa, noTsofare waseNahama. Banqophisana ukuba beze, bamkhuze, bamthuthuzele.
 
12 Baphakamisa amehlo abo besekude, abamazi; baphakamisa izwi labo, balila; bakrazula elowo ingubo yakhe yokwaleka, bazigalela ngothuli entloko, beluphosa phezulu ezulwini.
 
13 Bahlala naye emhlabeni apho iimini zasixhenxe nobusuku bazo; kungekho namnye uthetha naye, kuba babebona ukuba umvandedwa wakhe mkhulu kakhulu.
 
 

  [ Prev ] 1 | | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | 26 | 27 | 28 | 29 | 30 | 31 | 32 | 33 | 34 | 35 | 36 | 37 | 38 | 39 | 40 | 41 | 42 | [ Next ]