Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
UYeremiya Chapter4
 
1 Ukuba uthe wabuya, Sirayeli, utsho uYehova, wabuyela kum; wawasusa amazothe akho phambi kwam, akwaphalaphala;
 
2 wafunga wathi, Ehleli nje uYehova, ngokwenyaniso, ngokusesikweni, nangobulungisa; zozisikelela ngaye iintlanga, ziqhayise ngaye.
 
3 Ngokuba uthi uYehova kumadoda akwaYuda nakwiYerusalem, Zikhubeleleni intsinde, ningahlwayeli emithaneni enameva.
 
4 Zaluseleni kuYehova, nisuse ukungaluki kwentliziyo yenu, madoda akwaYuda, bemi baseYerusalem; hleze buphume ubushushu bam njengomlilo, buvuthe kungabikho ucimayo, ngenxa yobubi beentlondi zenu.
 
5 Xelani kwaYuda, nivakalise eYerusalem, nithi, Vuthelani isigodlo elizweni; dandulukani, nithi, Hlanganisanani, singene emizini enqatyisiweyo.
 
6 Phakamisani ibhanile ngaseZiyon, sabani, ningemi; kuba entla ndizisa ububi, nembubhiso enkulu.
 
7 Kunyuka ingonyama iphuma entshinyeleni yayo yehlathi, kunduluka umonakalisi weentlanga; uphuma endaweni yakhe, ukuze aliphanzise ilizwe lakho, imizi yakho yenziwe imiwewe, ingabi nabemi.
 
8 Ngenxa yoko bhinqani ezirhwexayo, nimbambazele, nibhomboloze; ngokuba ukuvutha komsindo kaYehova akubuyanga kuthi.
 
9 Kothi ke ngaloo mini, utsho uYehova, iphele intliziyo yokumkani nentliziyo yabathetheli; bamangaliswe ababingeleli, bangakhulumi abaprofeti.
 
10 Ndathi ke, Kwowu, Nkosi Yehova, inyaniso, ubalukuhlile kakhulu aba bantu neYerusalem, usithi, Niya kuba noxolo; libe ikrele lide lafika emphefumlweni.
 
11 Ngelo xesha kuya kuthiwa kwaba bantu nakwiYerusalem, Umoya olulophu lwaseluqayini entlango uza ngendlela yentombi yabantu bam, ungazeli kwela, ungazeli kucoca;
 
12 umoya onamandla ngaphezu kwezo nto uzela mna; ngoku nam ndiya kuthetha nabo imigwebo.
 
13 Yabona, unyuka njengamafu, zinjengesaqhwithi iinqwelo zokulwa zawo; anamendu kunamaxhalanga amahashe awo. Yeha ke thina, ngokuba sibhuqiwe!
 
14 Yihlambulule ububi intliziyo yakho, Yerusalem, ukuze usindiswe. Kunini na zilalisile phakathi kwakho iingcinga zakho zobutshinga?
 
15 Ngokuba ilizwi lixelile, liphuma kwaDan, livakalisa ububi ezintabeni zakwaEfrayim:
 
16 khankanyani ezintlangeni; yabonani, vakalisani eYerusalem, nithi, Abangqingi beza bevela ezweni elikude, belikhuphela ilizwi labo phezu kwemizi yakwaYuda.
 
17 Njengabalindi bamasimi bayichasa ngeenxa zonke; ngokuba ibineenkani kum, utsho uYehova.
 
18 Iindlela zakho neentlondi zakho zakwenzela oko. Zizinto zakho ezimbi ezo, inene zikrakra, inene zifike entliziyweni yakho.
 
19 Izibilini zam, izibilini zam! Ndiyazibhijabhija iingontsi zentliziyo yam! Iyaxokozela intliziyo yam, andinakuthi tu! Kuba usivile isandi sesigodlo, mphefumlo wam, ukuhlatywa komkhosi wemfazwe.
 
20 Kumenyezwa intshabalalo kantshabalalo, ngokuba libhuqiwe lonke ilizwe; zibhuqiwe ngesiquphe iintente zam; ngephanyazo, amalengalenga am.
 
21 Kunini na ndibona ibhanile, ndisiva isandi sesigodlo?
 
22 Kuba bamathile abantu bam, mna abandazi; ngoonyana abazizidenge, abanangqondo bona; banobulumko bokwenza ububi, ukulungisa abakwazi.
 
23 Ndakhangela emhlabeni, nanko kusenyanyeni, lilubala; nasezulwini, akwabakho kukhanya kulo.
 
24 Ndakhangela ezintabeni, nanzo zinyikima, neenduli zonke zididizela.
 
25 Ndakhangela, nanko ke kungekho mntu, neentaka zonke zezulu zibalekile.
 
26 Ndakhangela, nantso iKarmele iyintlango, yonke imizi yayo idilikile phambi koYehova, phambi kokuvutha komsindo wakhe.
 
27 Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Kuya kuba senkangala kulo lonke ilizwe; kodwa ndingaligqibeli kuphele.
 
28 Ngenxa yoko ihlabathi liya kuba nesijwili, libe nezimnyama zokuzila izulu ngaphezulu; ngenxa enokuba ndithethile, ndinkqangiyele, andisayi kuzohlwaya, andiyi kubuya umva kuloo nto.
 
29 Ngesandi sabamahashe nabezaphetha, iyabaleka yonke imizi; bangena ezintshinyeleni zehlathi, benyuka emixawukeni; yonke imizi ishiyiwe, akuhlali mntu kuyo.
 
30 Ke wena ubhuqiweyo, uyakuthini na? Nokuba uthe wambatha ezibomvu, nokuba uthe wavatha izivatho zegolide, nokuba uthe wawazoba amehlo akho ngestibhiya, ufumane wahomba:ziya kukucekisa izithandane, zifuna umphefumlo wakho,
 
31 Ngokuba ndive ilizwi elinjengelomfazi onenimba, imbandezelo enjengeyozibulayo, izwi lentombi enguZiyon; inesingqala, izolula izandla zayo, isithi, Athi ke mna! ngokuba umphefumlo wam utyhafile ngababulali.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | 26 | 27 | 28 | 29 | 30 | 31 | 32 | 33 | 34 | 35 | 36 | 37 | 38 | 39 | 40 | 41 | 42 | 43 | 44 | 45 | 46 | 47 | 48 | 49 | 50 | 51 | 52 | [ Next ]