Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
UYeremiya Chapter43
 
1 Kwathi, akugqiba uYeremiya ukuwathetha ebantwini bonke amazwi onke kaYehova uThixo wabo, awamthuma wona uYehova uThixo wabo kubo, onke la mazwi,
 
2 batsho ooAzariya unyana kaHoshaya, noYohanan unyana kaKareha, namadoda onke akhukhumeleyo, ukuthi kuYeremiya, Uthetha ubuxoki; uYehova uThixo wethu akakuthumanga kuthi, ukuba uthi, Ze ningayi eYiputa niphambukele khona;
 
3 uBharuki ke, unyana kaNeriya, uya kuxhokonxa ngakuthi, kuba efuna ukuba sinikelwe esandleni samaKaledi, ukuba asibulale, ukuba asifudusele eBhabheli.
 
4 UYohanan unyana kaKareha, nabo bonke abathetheli bezimpi, nabantu bonke, abaliphulaphula ilizwi likaYehova lokuba bahlale elizweni lakwaYuda.
 
5 UYohanan unyana kaKareha, nabo bonke abathetheli bezimpi, bawathabatha onke amasalela akwaYuda, abebuye evela ezintlangeni zonke abegxothelwe kuzo, ukuba aye kuphambukela ezweni lakwaYuda:
 
6 amadoda, nabafazi, nabantwana, neentombi zokumkani, nemiphefumlo yonke abeyishiye uNebhuzaradan, umthetheli wabasiki, kuGedaliya unyana ka-Ahikam, unyana kaShafan, noYeremiya umprofeti, noBharuki unyana kaNeriya.
 
7 Baya ke elizweni laseYiputa, ngokuba babengaliphulaphulanga izwi likaYehova; baya bafika eTapanesi.
 
8 Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya eTapanesi, lisithi,
 
9 Thabatha ngesandla sakho amatye amakhulu, uwaqhusheke eludakeni endaweni yokutshisa izitena, esemnyango wendlu kaFaro eTapanesi, emehlweni amadoda akwaYuda.
 
10 Uze uthi kuwo, Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabonani, ndiya kuthumela ndithabathe uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, umkhonzi wam, ndiyibeke itrone yakhe ngaphezu kwala matye ndiwaqhushekileyo; aneke isivatho sakhe esihle ngaphezu kwawo.
 
11 Uya kufika alibethe ilizwe leYiputa, owokufa afe, owokuthinjwa athinjwe, owekrele abe ngowekrele.
 
12 Ndiya kufaka isikhuni ezindlwini zoothixo baseYiputa, azitshise zona, abathimbe bona, azithi wambu ngelizwe leYiputa, njengokuba umalusi ezithi wambu ngengubo yakhe; aphume kulo enoxolo.
 
13 Uya kuwaqhekeza amatye amisiweyo aseBhete-shemeshe, asezweni leYiputa, azitshise ngomlilo izindlu zoothixo baseYiputa.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | 26 | 27 | 28 | 29 | 30 | 31 | 32 | 33 | 34 | 35 | 36 | 37 | 38 | 39 | 40 | 41 | 42 | 43 | 44 | 45 | 46 | 47 | 48 | 49 | 50 | 51 | 52 | [ Next ]