Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
UYeremiya Chapter40
 
1 Ilizwi elafikayo kuYeremiya, livela kuYehova, emveni kokuba ebendululwe eRama nguNebhuzaradan, umthetheli wabasiki, ekumthabatheni kwakhe ekhonkxiwe ngemixokelelwane phakathi kwabafudusiweyo bonke baseYerusalem nabakwaYuda, ababefuduselwa eBhabheli.
 
2 Umthetheli wabasiki wamthabatha ke uYeremiya, wathi kuye, UYehova uThixo wakho wathetha obu bubi ngale ndawo;
 
3 uYehova wabufikisa, wenza njengoko wakuthethayo; ngokuba nonayo kuYehova, analiphulaphula izwi lakhe, yabakho ke le nto kuni.
 
4 Kaloku ke yabona, ndiyayicombulula namhla imixokelelwane esezandleni zakho. Ukuba kuthe kwalunga emehlweni akho ukuya nam eBhabheli, yiza, ndolimisa iliso lam kuwe; ukuba kuthe kwakubi emehlweni akho ukuya nam eBhabheli, yeka ke. Uyabona, ilizwe lonke liphambi kwakho; ukuya apho kuthe kwalunga kwathi tye emehlweni akho, oko kokwakho, yiya khona.
 
5 Uthe ke engekabuyi, wathi, Buyela kuGedaliya unyana ka-Ahikam, unyana kaShafan, owenziwa umveleli ngukumkani waseBhabheli emizini yakwaYuda, uhlale naye phakathi kwabantu; okanye uye apho kuthe tye emehlweni akho ukuya khona. Umthetheli wabasiki wamnika umxhesho nesipho, wamndulula.
 
6 UYeremiya waya kuGedaliya unyana ka-Ahikam eMizpa, wahlala naye phakathi kwabantu ababesele elizweni.
 
7 Ke kaloku beva bonke abathetheli bezimpi ezisendle, bona namadoda abo, ukuba ukumkani waseBhabheli umenze umveleli welizwe uGedaliya unyana ka-Ahikam, nokuba umenze umveleli wamadoda, nabafazi, nabantwana, nezisweli zelizwe, kwababengafuduselwanga eBhabheli.
 
8 Beza ke kuGedaliya eMizpa, inguIshmayeli unyana kaNetaniya, noYohanan noYonatan oonyana bakaKareba, noSeraya unyana kaTanumete, noonyana bakaEfayi waseNetofa, noYezaniya umntu waseMahaka, bona namadoda abo.
 
9 UGedaliya unyana ka-Ahikam, unyana kaShafan, wabafungela namadoda abo, esithi, Musani ukoyika ukuwakhonza amaKaledi; hlalani kweli lizwe, nimkhonze ukumkani waseBhabheli, kulunge kuni.
 
10 Yabonani, ndihleli eMizpa, ukuze ndime phambi kwamaKaledi, aya kuza kuthi; ke nina hlanganisani iwayini, neziqhamo zasehlotyeni, neoli, nibeke ezityeni zenu, nihlale emizini yenu, enithe nayithimba.
 
11 NamaYuda onke abe ekwelakwaMowabhi, nakoonyana baka-Amon, nakwelakwaEdom, nabasemazweni onke, eva ukuba ukumkani waseBhabheli umise amasalela kwaYuda, nokuba umenze umveleli wawo uGedaliya unyana ka-Ahikam, unyana kaShafan.
 
12 Abuya ke onke amaYuda, ezindaweni zonke abegxothelwe kuzo, eza elizweni lakwaYuda kuGedaliya eMizpa, abutha iwayini neziqhamo zasehlotyeni, zazininzi kakhulu.
 
13 Ke kaloku uYohanan unyana kaKareha, nabathetheli bonke bezimpi ababesemaphandleni, beza kuGedaliya eMizpa.
 
14 Bathi kuye, Uhleli usazi na ukuba uBhahalisi, ukumkani woonyana baka-Amon, uthume uIshmayeli unyana kaNetaniya, ukuba akubulale? Ke uGedaliya unyana ka-Ahikam ubengakholwa ngabo.
 
15 UYohanan unyana kaKareha wathetha kuGedaliya ngasese eMizpa, wathi, Makhe ndiye ndimbulale uIshmayeli unyana kaNetaniya, kungazi mntu; yini na ukuba ade abulale wena, achithwachithwe amaYuda onke ahlanganisene kuwe, atshabalale amasalela akwaYuda?
 
16 UGedaliya unyana ka-Ahikam wathi kuYohanan unyana kaKareha, Musa ukuyenza loo nto; ngokuba uthetha ubuxoki ngoIshmayeli.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | 26 | 27 | 28 | 29 | 30 | 31 | 32 | 33 | 34 | 35 | 36 | 37 | 38 | 39 | 40 | 41 | 42 | 43 | 44 | 45 | 46 | 47 | 48 | 49 | 50 | 51 | 52 | [ Next ]