Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
IEksodus Chapter22
 
1 Xa umntu athe weba inkomo, nokuba yigusha, wayixhela, mhlawumbi wathengisa ngayo:makadliwe iinkomo zibe ntlanu ngenkomo leyo, izimvu zibe ne ngemvu leyo.
 
2 Ukuba isela lithe lafunyanwa ligqobha indlu, labethwa lafa, akukho tyala lagazi kulowo.
 
3 Ukuba liphunyelwe lilanga, lobakho ityala legazi kulowo. Loo nto maliyimisele ngokuzeleyo; ukuba alinanto, makuthengiswe ngalo ngenxa yobusela balo.
 
4 Ukuba ithe yafunyanwa isesandleni salo, okanye iphilile, loo nto ibiweyo, nokuba yinkomo, nokuba liesile, nokuba yigusha, maliyibuyise nganto mbini.
 
5 Xa umntu athe wadlisa intsimi, nokuba sisidiliya, wavulela iinkomo zakhe, zayidla intsimi yomnye:makamisele ngeyona nto intle yentsimi yakhe, nangeyona nto intle yesidiliya sakhe.
 
6 Xa kuthe kwatsha umlilo, wafumanana neentango, watshisa izitha zengqolowa, nokuba yemiyo, nokuba yintsimi:lowo uwutshisileyo makazimisele ezo zinto.
 
7 Xa athe umntu wanikela ummelwane wakhe imali, nokuba yimpahla, ukuba ayigcine, yaza yabiwa endlwini yaloo mntu:ukuba lithe lafunyanwa isela elo, maliyibuyekeze kabini.
 
8 Ukuba lithe alafunyanwa isela:umninindlu makasondezwe kuThixo, afunge ukuba akayiphathanga impahla yommelwane wakhe lowo.
 
9 Ngenxa yezinto zonke zokona, ngenxa yenkomo, ye-esile, yegusha, yengubo, nangenxa yezinto zonke ezidakileyo, ezifaniswayo:loo ndawo yabo bobabini yoya phambi koThixo; othe wagwetywa nguThixo, wombuyekeza kabini ummelwane wakhe.
 
10 Xa athe umntu wanika ummelwane wakhe iesile, nokuba yinkomo, nokuba yigusha, nokuba yiyiphi into ezitho zine, ukuba ayigcine; yaza yafa, mhlawumbi yaphuka, mhlawumbi yathinjwa, kungaboni bani:
 
11 makubekho ukufunga uYehova phakathi kwabo bobabini, ukuba akayiphathanga impahla yommelwane wakhe; makamkele oko umniniyo, loo mntu angayimiseli.
 
12 Ukuba ibiwe yabiwa ikuye, woyimisela kumniniyo.
 
13 Ukuba iqwengiwe, woyizisa ibe lingqina; makangayimiseli into eqwengiweyo.
 
14 Xa athe umntu waboleka inkomo kummelwane wakhe, yaza yaphuka, mhlawumbi yafa, engekho umniniyo, makayimisele.
 
15 Ukuba ithe yenzakala ekho umniniyo, makangayimiseli; ukuba ibithe yaqeshwa, ibe ihambele ingqesho yayo.
 
16 Xa athe umntu warhwebesha intombi engaganiweyo, walala nayo, woyilobola ibe ngumkakhe.
 
17 Ukuba uyise wayo walile kanye ukumnika, makarhole imali njengekhazi lazo iintombi.
 
18 Umkhafulikazi uze ungamyeki adle ubomi.
 
19 Bonke abathe balala inkomo, mababulawe bafe.
 
20 Obingelela kuthixo ongenguye uYehova yedwa, makasingelwe phantsi.
 
21 Umphambukeli uze ungamxinzeleli phantsi, ungamxini; kuba naningabaphambukeli nani ezweni laseYiputa.
 
22 Yonke into engumhlolokazi nenkedama uze ungayicinezeli.
 
23 Ukuba uthe wabacinezela nangayiphi na indlela, bakhala kum, ndokuva ukukhala kwabo;
 
24 uvuthe umsindo wam, ndinibulale ngekrele; babe ngabahlolokazi abafazi benu, babe ziinkedama abantwana benu.
 
25 Ukuba uthe wababoleka imali abantu bam abaziintsizana abanawe, uze ungabi kubo njengomboleki-mali:uze ungababizi nzala.
 
26 Ukuba ummelwane wakho ubambise ngengubo yakhe kuwe, woyibuyisela kuye lingekatshoni ilanga;
 
27 kuba yona ikukuphela kwesigubungelo anaso, yingubo yakhe yomzimba wakhe; wolala ngantoni ke? Kothi, xa athe wakhala kum, ndive; kuba ndinenceba.
 
28 UThixo uze ungamtshabhisi, nesikhulu ebantwini bakowenu uze ungasiqalekisi.
 
29 Indyebo yakho nencindi yemithi yakho, uze ungalibali ukundinika. Oonyana bakho bamazibulo uze undinike.
 
30 Uze wenjenjalo ngenkomo yakho, nangempahla yakho emfutshane:mayibe kunina iintsuku ezisixhenxe, uthi ngosuku lwesibhozo undinike.
 
31 Noba ngabantu abangcwele kum; inyama yento eqwengiweyo endle nize ningayidli; noyiphosa ezinjeni.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | 26 | 27 | 28 | 29 | 30 | 31 | 32 | 33 | 34 | 35 | 36 | 37 | 38 | 39 | 40 | [ Next ]