Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
EyesiBini yooKumkani Chapter6
 
1 Bathi oonyana babaprofeti kuElisha, Khawubone le ndawo, sihleli kuyo phambi kwakho; sixinene kuyo.
 
2 Makhe siye eYordan, sizithabathele khona elowo umqadi ube mnye, sizenzele khona indawo yokuhlala. Wathi, Yiyani.
 
3 Wathi omnye, Makukholeke kuwe ukuhamba nabakhonzi bakho. Wathi, Ndiya kuhamba.
 
4 Wahamba nabo. Bathi bakufika eYordan, bagawula imithi.
 
5 Kwathi, omnye ewisa umqadi, intsimbi yeyela emanzini; wakhala, wathi, Yoo, nkosi yam! ibibolekiwe.
 
6 Wathi umfo wakwaThixo, Iwe phi na? Wambonisa loo ndawo. Wanqumla uluthi, waluphosa khona. Yadada intsimbi.
 
7 Wathi, Yithabathe. Wasolula isandla sakhe, wayithabatha.
 
8 Ke kaloku ukumkani wama-Aram wayesilwa namaSirayeli, wacebisana nabakhonzi bakhe, esithi, Kuya kuba sekuthini, nasekuthini, apho ndolalisa khona.
 
9 Wathumela umfo wakwaThixo kukumkani wakwaSirayeli, esithi, Zigcine, ungegqithi kulaa ndawo; ngokuba ama-Aram ehla khona.
 
10 Ukumkani wamaSirayeli wathumela kuloo ndawo, abemxelele yona umfo wakwaThixo, embonisa; wazikhusela khona, akwaba kanye nakabini.
 
11 Yabhabhama intliziyo yokumkani wakwa-Aram yiloo nto; wabiza abakhonzi bakhe, wathi kubo. Anindixeleli na ukuba ngubani na kuthi apha, ongakukumkani wakwaSirayeli?
 
12 Wathi omnye wakubakhonzi bakhe, Asisithi, nkosi yam kumkani; ke nguElisha, umprofeti okwaSirayeli, oxelela ukumkani wamaSirayeli amazwi owathetha usengontsini yakho yokulala.
 
13 Wathi, Yiyani, nikhangele apho akhona; ndithumele, ndimthabathe. Waxelelwa kwathiwa, Nanko eDotan.
 
14 Wathumela khona amahashe, neenqwelo zokulwa, nempi eninzi; baya ebusuku, bawungqinga umzi.
 
15 Wavuka kusasa umlungiseleli womfo wakwaThixo, wesuka waphuma, nantso impi iwujikelezile umzi, inamahashe neenqwelo zokulwa. Wathi umfana lowo kuye, Yoo, nkosi yam, siya kuthini na?
 
16 Wathi yena, Musa ukoyika; ngokuba baninzi abangakuthi, ngaphezu kwabangakubo.
 
17 Wathandaza uElisha, wathi, Yehova, khawuwavule amehlo akhe, abone. UYehova wawavula amehlo omfana lowo, wabona, nantso intaba izele ngamahashe neenqwelo zokulwa zomlilo, zimjikelezile uElisha.
 
18 Behla baya kuye, wathandaza uElisha kuYehova, wathi, Khawulubethe olu hlanga ngobumfama. Wababetha ke ngobumfama, ngokwelizwi likaElisha.
 
19 Wathi uElisha kubo, Asiyiyo indlela le, asinguwo umzi lo; ndilandeleni, ndinise kuloo ndoda niyifunayo; wabasa kwaSamari.
 
20 Kwathi, bakufika kwaSamari, wathi uElisha, Yehova, wavule amehlo aba bantu, babone. Wawavula uYehova amehlo abo, babona. Nanku, bephakathi komzi wakwaSamari.
 
21 Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuElisha, akubabona, Ndibaxabele na, ndibaxabele na, bawo?
 
22 Wathi yena, Uze ungabaxabeli. Obathimbileyo ngekrele lakho nesaphetha sakho ubungabaxabelayo na? Beka isonka namanzi phambi kwabo, badle, basele, bahambe, baye enkosini yabo.
 
23 Wabenzela isidlo esikhulu; badla basela; wabandulula, bahamba baya enkosini yabo. Akaba saphinda amatutu ama-Aram ukulingena ilizwe lamaSirayeli.
 
24 Kwathi emva koko, wayihlanganisa uBhen-hadade, ukumkani wakwa-Aram, yonke impi yakhe, wenyuka wawungqinga umzi wakwaSamari.
 
25 Kwabakho ke indlala enkulu kwaSamari. Yabona, bawungqinga ke, yada intloko ye-esile yathengiswa ngamashumi osibhozo eeshekele zesilivere, nesahlulo sesine sekabhe yendlelo yamavukuthu saba sisihlanu sesilivere.
 
26 Kwathi, edlula ukumkani wakwaSirayeli phezu kodonga, intokazi yamemeza kuye, isithi, Sindisa, nkosi yam, kumkani.
 
27 Wathi yena, Engakusindisi nje uYehova, ndokusindisa ngantoni na mna? ngesanda, ngesixovulelo sediliya, kusini na?
 
28 Wathi ukumkani kuyo, Uhlelwe yintoni na? Wathi, Lo mfazi uthe kum, Ndinike unyana wakho, sidle yena namhla, sidle unyana wam ngomso.
 
29 Sampheka ke unyana wam, samdla; ndathi kuye ngomhla olandelayo, Ethe unyana wakho, simdle; wamzimeza unyana wakhe.
 
30 Kwathi, akuweva ukumkani amazwi entokazi leyo, wazikrazula iingubo zakhe; wayedlula phezu kodonga. Bakhangela abantu, nanko eneengubo ezirhwexayo ngaphantsi kwezinye enyameni yakhe.
 
31 Wathi, Makenjenje kum uThixo, aqokele ukwenjenje, ukuba intloko kaElisha, unyana kaShafati, iya kuma phezu kwakhe namhla.
 
32 UElisha ke ubehleli endlwini yakhe, namadoda amakhulu ebehleli naye. Ukumkani wathuma indoda ebusweni bakhe. Engekafiki umthunywa lowo kuye, wathi yena kumadoda amakhulu, Niyabona na, ukubo lo nyana wombulali uthumele ukuba ndisuswe intloko? Niyabona, akufika umthunywa lowo, luvaleni ucango, nimtyhale ngocango; naso isingqi seenyawo zenkosi yakhe sisemva kwakhe.
 
33 Esathetha nawo, nanko umthunywa lo esihla esiza kuye. Wathi ukumkani, Yabona, obu bubi buphuma kuYehova; ndisamlindele ngani na uYehova?
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | [ Next ]