Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
UYohane Chapter17
 
1 Ezi zinto wazithetha uYesu, wawaphakamisa amehlo akhe wakhangela ezulwini, wathi, Bawo, lifikile ilixa; mzukise uNyana wakho, ukuze noNyana wakho akuzukise;
 
2 njengokuba wamnika igunya kubantu bonke, ukuze bonke omnike bona, abanike ubomi obungunaphakade.
 
3 Bubo ke obu ubomi obungunaphakade, ukuba mabakwazi, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, naye uYesu Kristu omthumileyo.
 
4 Mna ndikuzukisile emhlabeni, ndiwufezile umsebenzi obundinikile ukuba ndiwenze.
 
5 Ndizukise ke ngoku, wena Bawo, kuwe ngokwakho, ngozuko ebendinalo kuwe, lingekabikho ihlabathi.
 
6 Ndilibonakalisile igama lakho kubo abantu obundinike bona, bephuma ehlabathini; babengabakho, wabanika mna; ilizwi lakho balibambile ke.
 
7 Ngoku baqondile, ukuba zonke izinto ondinike zona zivela kuwe.
 
8 Ngokuba amazwi ondinike wona, ndiwanike bona; bona bawathabatha, baqonda ngokwenyaniso ukuba ndaphuma kuwe; bakholwa ukuba wena wandithuma.
 
9 Mna ndicelela bona; andiceleli lona ihlabathi, ndicelela abo undinike bona; ngokuba bengabakho.
 
10 Izinto zonke ezizezam zezakho, zibe ezakho zizezam; ndizukisekile ke kubo.
 
11 Andisekhona ehlabathini, ke bona basesehlabathini; mna ndiza kuwe. Bawo oyingcwele, balondolozele egameni lakho abo undinike bona, ukuze babe banye njengathi.
 
12 Oko bendinabo ehlabathini mna, bendibalondolozele egameni lakho; owandinika bona ndibagcinile; akukho namnye kubo utshabaleleyo, ingenguye lowo wentshabalalo, ukuze isibhalo sizaliseke.
 
13 Ngoku ke ndiza kuwe; nezi zinto ndizithetha ehlabathini, ukuze babe nalo uvuyo lwam luzalisekile kubo.
 
14 Mna ndibanike ilizwi lakho; laza ihlabathi labathiya, ngokuba bengengabo abehlabathi, njengokuba nam ndingenguye owehlabathi.
 
15 Andiceli ukuba ubasuse ehlabathini; ndicela ukuba ubagcine kuyo inkohlakalo.
 
16 Abangabo abehlabathi, njengokuba nam ndingenguye owehlabathi.
 
17 Bangcwalise ngayo inyaniso yakho; ilizwi lakho liyinyaniso.
 
18 Njengokuba wandithuma ehlabathini, nam ndibathume bona ehlabathini.
 
19 Ngenxa yabo ke ndiyazingcwalisa mna, ukuze nabo babe ngabangcwalisiweyo yinyaniso.
 
20 Andiceleli ke aba bodwa, ndicelela nabo baya kukholwa kum ngelizwi labo;
 
21 ukuze bonke babe banye; njengokuba wena, Bawo, ukum, mna ndikuwe, ukuze nabo babe banye kuthi; ukuze ihlabathi likholwe ukuba wena wandithuma.
 
22 Uzuko owandinika lona, ndilunike bona; ukuze babe banye, njengokuba thina sibanye;
 
23 mna ndikubo, wena ukum, ukuze babe ngabazalisekileyo ntweni-nye; ukuze liqonde ihlabathi ukuba wena undithumile, wabathanda, njengokuba wandithandayo nam.
 
24 Bawo, ndithanda ukuba nabo abo undinike bona, babe nam, apho ndikhona mna; ukuze balubone uzuko lwam owandinika lona; ngokuba wandithanda kwaphambi kokusekwa kwehlabathi.
 
25 Bawo olilungisa, ihlabathi lona alikwazanga, ke mna ndikwazile; naba bathe bazi ukuba wena undithumile;
 
26 ndabazisa igama lakho, ndandiya kubazisa; ukuze uthando ondithande ngalo lube kubo, nam ndibe kubo.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | [ Next ]