Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
UYohane Chapter16
 
1 Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze ningakhutyekiswa.
 
2 Baya kunigxotha esikhungwini; ewe, kuza ilixa lokuba bonke abanibulalayo, babe bona bakhonza uThixo.
 
3 Ezo zinto baya kuzenza kuni, ngokuba bengamazanga uBawo kwanam.
 
4 Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze, xa lithe lafika ilixa, nizikhumbule ukuba mna ndandinixelele. Ezi zinto ke andinixelelanga kwasekuqaleni, ngokuba bendinani.
 
5 Ngoku ke ndiyemka, ndiya kowandithumayo; akukho namnye kuni undibuzayo, athi, Uya phi na?
 
6 Ngokuba ke ezi zinto ndizithethile kuni, iintlungu ziyizalisile intliziyo yenu.
 
7 Noko ke mna ndinixelela inyaniso; kunilungele ukuba ndimke; kuba, ndingemkanga, uMthetheleli akayi kuza kuni; ke, ndithe ndemka, ndiya kumthumela kuni.
 
8 Efikile ke, uya kulohlwaya ihlabathi lidane, ngenxa yesono, nangenxa yobulungisa, nangenxa yomgwebo;
 
9 ngenxa yesono, ngokokuba bengakholwa kum;
 
10 ngenxa yobulungisa, ngokokuba ndisiya kuBawo, ize ningabi sandibona;
 
11 ngenxa yomgwebo, ngokokuba umphathi weli hlabathi egwetyiwe.
 
12 Ndisenezinto ezininzi zokuthetha kuni, kodwa aninako ukuzithwala ngoku.
 
13 Xa ke athe wafika yena uMoya wenyaniso, uya kunikhokelela kuyo yonke inyaniso; kuba engayi kuthetha okuphuma kuye, uya kuthetha izinto athe waziva, anibikele izinto ezizayo.
 
14 Yena uya kundizukisa; ngokuba eya kwamkela kokukokwam, aze anibikele ke.
 
15 Zonke ezo zinto anazo uBawo zezam; ngenxa yoko ndathi, uya kwamkela kokukokwam, aze anibikele.
 
16 Selilixesha elifutshane, ize ningandiboni; kubuye kube lixesha elifutshane, nibuye nindibone, ngokuba mna ndiya kuBawo.
 
17 Ithe ngoko inxenye yakubafundi bakhe phakathi kwayo, Yintoni na le ayithethayo kuthi, athi, Liselilixesha elifutshane, nibuye ningandiboni; kubuye kube lixesha elifutshane, nize nindibone; nokuthi, Mna ndiya kuBawo?
 
18 Babesithi ngoko, Yintoni na le ayithethayo, athi, Lixesha elifutshane? Asiyazi into ayithethayo.
 
19 Wazi ngoko uYesu ukuba babethanda ukumbuza, wathi kubo, Nibuzana ngale nto na, yokuba ndithe, Selilixesha elifutshane, nize ningandiboni; kubuye kube lixesha elifutshane, nibuye nindibone?
 
20 Inene, inene, ndithi kuni, niya kulila nihlahlambe, ke lona ihla bathi liya kuvuya; niya kuxhalaba nina, ke ukuxhalaba kwenu kuya kuba luvuyo.
 
21 Umfazi xa aza kuzala, uyaxhalaba, ngokuba ilixa lakhe lifikile; xa athe ke wazala umntwana, akabi sayikhumbula loo mbandezelo, ngenxa yovuyo lokuba kuzelwe umntu ehlabathini.
 
22 Nani ke ngoko nixhalabile ngokunje; kodwa ndobuya ndinibone; yaye iya kuvuya intliziyo yenu, novuyo lwenu akukho namnye uya kuluhlutha kuni.
 
23 Nangaloo mini aniyi kundibuza nto. Inene, inene, ndithi kuni, Zonke izinto enithe nazicela kuBawo egameni lam, woninika.
 
24 Kude kwaba ngokunje, anikaceli nto egameni lam; celani, niya kwamkela, ukuze uvuyo lwenu luzaliseke.
 
25 Ezi zinto ndizithethile kuni ngokuntsonkotha; kuza ilixa endingasayi kuba sathetha kuni ngokuntsonkotha; ndiya kunibikela ngokusekuhleni ngaye uBawo.
 
26 Ngaloo mini niya kucela egameni lam; anditsho kuni ukuthi, ndiya kunicelela kuBawo;
 
27 kuba uBawo ngokwakhe uyanithanda; ngokuba nina nindithandile, nakholwa ukuba mna ndaphuma kuThixo.
 
28 Ndaphuma kuBawo, ndeza ehlabathini; ndibuya ndilishiye ihlabathi, ndiye kuBawo.
 
29 Bathi kuye abafundi bakhe, Uyabona, ngoku uthetha ngokusekuhleni, akuthethi nto ngakuntsonkotha.
 
30 Ngoku siyazi, ukuba uyazazi zonke izinto, akusafuneki kuwe ukuba ubani akubuze nto; ngaloo nto siyakholwa ukuba waphuma kuThixo.
 
31 Wabaphendula uYesu wathi, Niyakholwa na ngoku?
 
32 Yabonani, kuza ilixa, nakaloku lifikile, lokuba nichithwe, elowo aye kowabo, nindishiye ndedwa; ukanti andindedwa, ngokuba uBawo unam.
 
33 Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze nibe noxolo kum. Ehlabathini niya kuba nembandezelo; yomelelani, mna ndiloyisile ihlabathi.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | [ Next ]